Bazakuvela enkundleni oomatshonisa ababanjwe eMthatha namakhadi enkam-nkam.

Umfanekiso oselugcinweni wekhadi lakwaSASSA

Kulindeleke ukuba babuyele enkundleni yamatyala  eMthatha ngomvulo weveki ezayo abasetyhini abane abafunyanwa benenqwaba yamakhadi okwamkela isibonelelo sikarhulumente kunye nesixa mali esilinganiselwa kwi-R7650.

La manina abanjwe ngobusuku bangoMvulo embindini wedolophu yaseMthatha ekhupha imali kumtshini webanki wokukhupha imali ngamakhadi akwaSASSA, nekudizwe ukuba ngawabantu ababoleke imali kubo. 

Ajongene namatyala okubolekisa ngemali ngokungekho mthethweni, kwaye bachazwe njengabasebenzi benkampani ebolekisa ngemali iVela Cash Loans.

Abarhanelwa bakwiminyaka ephakathi kwamashumi amabini anesihlanu ukuya kumashumi amahlanu anesibini. Bebevele kancinane enkundleni yamatyala izolo, nangona bengabuzwanga nokuba bayalivuma kusini na ityala.

Umtshutshisi wetyala uLuyanda Mtengwane uxelele inkundla ukuba abarhanelwa mabagcinwe eluvalelweni kuba uphando lusaqhuba kwaye lusekwinqanaba elibalulekileyo, neenkcukacha zolwaphulo mthetho zabarhanelwa azikafunyanwa. 

Igqwetha labarhanelwa uThobani Nowa usiphikisile eso sicelo esithi, “Ndiyothuka ndikhathazekile sisicelo sombuso kuba abarhanelwa babanjwa ngomvulo, bekumele ngoLwesibini babekwe ityala kuphinde kukhutshwe inkcukacha zabo zolwaphulo mthetho ngaphanbi kokuvela enkundleni. 

Abanye abarhanelwa bashiye iintsana zodwa emakhaya.” Ukwathe “Amapolisa ebenethuba elininzi lokwenza lo msebenzi kodwa afeda ukwenza njalo. 

Ngethuba ndiye eCentral ngoLwesibini ndaxelelwa ziyakhangelwa inkcukacha kodwa namhlanje kuthethwa enye.”

UMantyi ochophele eli tyala uMac Pauzi uvakalise isigqibo emva kokumamela le mpikiswano esithi, “Inkundla ijonge umdla wezobulungisa ngeli tyala. Isicelo sombuso sokumiswa kwetyala de ibenguMvulo weveki ezayo siyaphumelela.” 

Isithethi seSASSA kuzwelonke uKgomoco Diseko uthi le-arhente iyalixhasa inyathelo lamapolisa lokubamba abarhanelwa. 

Uthe “Lulwaphulo mthetho ukuthatha ikhadi lo mntu owamkela isibonelelo sikarhulumente kuba lo nto yandisa indlala nangakumbi. 

La makhadi ngawabanini bawo ngamaxesha onke. Akukho nasiphi isazathu esinobangela kubanjiswe ngawo xa kubolekwana imali ngumatshonisa nomnini walo”

Othethela amapolisa kwingingqi yaseMthatha uKapteni Dineo Koena uthi bazoqhubeleka nephulo labo lokubamba nabani na ofunyanwa nala makhadi akwaSASSA okanye aweebhanki kuba oko kukutyeshela isolotya elijongene nokubolekisa ngemali.