Bazakuxhela inkomo egameni likaMkolo

ABAXHASI nabalandeli bakanobhala onqunyanyisiweyo weANC eBuffalo City, uPhumlani Mkolo, bathi balindele ukuxhela inkomo xa le nkokeli iphinda ivela kwakhona kwityala lezityholo zobuqhophololo etyholwa kulo kwakunye nabanye.

UMkolo kwakunye nalowo ebesakuba nguSodolophu waseBuffalo City uZukiswa Ncitha, obesakuba lisekela likaSodolophu uThemba Tinta, uceba weANC uSindiswa Gomba, obesakuba ngusomlomo waseBCM uLuleka Simon-Ndzele, uOndela Mahlangu, Zintle Nkuhlu, Viwe Vazi, Nosiphiwo Mati kwakunye noDean Fanoe, batyholwa ngokubhunyula izigidi zeerandi zemali eyayihlelelwe ukubamba umsitho wenkonzo yesikhumbuzo yokubhubha kukaNelson Mandela ngo-2013. Yimali ebalelwa kwi-R5.9 yezigidi zeerandi ekutyholwa ukuba yabhunyulwa ngabarhanelwa. Abarhanelwa bebevelile kwinkundla kamantyi waseMonti ngoMvulo, ze lahlehliselwa umhla wesithandathu kweyeSilimela ityala labo.

Nanjengoko kuhlala kusenzeka, abaxhasi nabalandeli bakaMkolo bebengxange phambi kwenkundla bevuma amagwijo abonisa ukuxhasa le nkokeli. “Ngomhla wesithandathu kweyeSilimela ndiza kuxhela inkomo ndibhiyozela ukukhutshwa kukaMkolo. UMkolo akanatyala, ufakwe kulo mrhiba kuba esiliwa isiqu,” itshilo enye indoda ebiyi nxalenye yegquba elixhasa uMkolo. Le ndoda yalile ukunikeza igama layo isithi yoyika “ukuqatshelwa okungeyomfuneko” ngabo bachasene noMkolo.