Bazali nosapho lukaSiyamthanda, abasemagunyeni bayanifuna!

Abasemagunyeni bacela uncedo lokufumana abazali nosapho lwenkwenkwana yaseGqeberha eMpuma Koloni.

Isebe lophuhliso loluntu eGqeberha libambisene namapolisa licela uncedo olukhawulezileyo kuluntu ngokukhangela abazali bomntwana.

Ingxelo ithi, umntwana owaziwa ngokuba nguSiyamthanda umalunga neminyaka emihlanu ubudala. USiyamthanda ufunyenwe egcinwe yindoda ebihlala notata wale nkwenkwana.

Umfanekiso wenkwenkwana eyaziwa ngokuba nguSiyamthanda kuphela. UMFANEKISO: SAPS

Ingxelo iqhuba ithi umntwana uselugcinweni loonontlalontle ukusukela kwinyanga yeThupha kulo nyaka ka2023. Uyise waziwa ngokuba nguMabhuti kuphela, ayikho enye ingcaciso ngabazali bakhe abamzalayo.

Kucelwa nabani na onokuthi ancedise ekukhangeleni abazali okanye usapho lwale nkwenkwana uSiyamthanda ukuba aqhagamshelane nabaphathi betyala, uNksz. Jikaza ku-060 445 2441 noNksz. Nokoyo ku-064 608 3882.