Bazijule ijacu oogqirha ukulwa ingxaki zokubhubha kwabakhwetha

UGqr. Silumnko Mayabaumfanekiso: Siyabulela Mqikela

Bazijul’ ijacu oogqirha bombutho wePhilani Health Foundation ekuncediseni iphondo leMpuma Koloni ukulwa iingxaki zokubhubha kwabakhwetha.

Oku kuvele ngethuba kumiselwa ngokusesikweni ixesha lolwaluko lasehlotyeni eThobi Kula kuKomani.

Isithethi sombutho wabagqirha uSilumnko Mayaba uthi bayavakalelwa linani eliphezulu labakhwetha ababhubhayo kweli phondo.

“Injongo yethu kukuncedisa urhulumente, ngesivumelwano nendlu yeenkosi sincedise simahla ukuhlola aba bantwana phambi kokuba baye eSuthwini. Sineengcali zoogqirha koku,”uthethe watsho uMayaba.

IMpuma Koloni ihamba phambili ngamanani wabakhwetha ababhubhela eSuthwini. Ngamashumi amane anesihlanu abhubhe kwixesha lolwaluko ebusika.

Lo mbutho uthi uneqela loogqirha asebekulungele ukuqalisa ukwenza lo msebenzi.

“Sesinabo oogqirha abawulungeleyo lo msebenzi, kwaye lizakunyuka inani labo bazakusincedisa,” utsho uMayaba.

Isithethi sesebe leNtsebenziswano kuRhulumento nemicimbi yeMveli uMamnkeli Ngam uthi bayalamnkela uncedo oluza neli qela loo gqirha.

“Nolunjani uncedo olujoliswe ekulweni iingxaki zokubhubha kwabakhwetha lwamkelekile, siyayamkela le mbono,” utshilo uNgam.

UNgam ukwathe ukuhlolwa kwamakhwenkwe phambi kokuya eSuthwini yenye yeengxaki eziphambili abajongene nazo.

“Kudala sinolwazi lokuba ingxaki ibakhona xa aba bantwana besenziwa uhlolo phambi kokuba boluke. Bayabaleka bengahlolwanga ngenxa yemigca emide, babe neengxaki kamva,” ucacise watsho uNgam.

UMayaba uthi uthethwathethwano neNdlu yeeNkosi zeMveli liyaqhubeka ngelokuqinisekisa eyona ndlela bazakuwenza ngayo lo msebenzi.

“Asiqinisekanga ukuba sizakusebenzisa la maziko bahlolwa kuwo afana nezibhedlele okanye ikliniki, okanye sizakuqala awethu amaziko, sisawuxoxa loo mcimbi,” utshilo uMayaba.

Abagqirha ziingcali kwiindlela zokwalusa zaseNtshona bekwakhuthaza inkqubo yokuhlolwa kwamakhwenkwe phambi kokuya eSuthwini.

“Nathi siphuma eSuthwini, siyazi kakuhle into eqhubeka phaya, kungoko sifuna ukuqinisekisa ukuhlolwa kwabantwana,” ucacise ngelo uMayaba.

Kungekudala bazakuqeqesha amakhankatha neengcibi ngelizama ukunabisa inzame zokuthintela ukubhubha kwabakhwetha.

“Zininzi ingxaki ezibangela ukubhubha kwabakhwetha, sifuna nokubafundisa izinto ezenzeka emzimbeni womntu xa engawafumani amanzi,” uvale ngelo uMayaba.

Ukanti usodolophu womasipala iChris Hani uKholiswa Vimbayo uthi baxhalabile zizinto ezikhokelele ekubhubheni kwabakhwetha kulo masipala.

“Kubantwana ababhubhileyo, ishumi elinesibhozo libhubhe apha eChris Hani, kufuneka sisebenze nzima ukuze ingaphindi yenzeke le nto,” utshilo uVimbayo.

siyabulela.mqikela@inl.co.za