Bazithuma ethafeni

Abafundi abangamakhwenkwe kunye neetitshala kwisikolo iEnoch Mamba kwilali yeseLota eDutywa bazithuma ethafeni nasematyholweni Umfanekiso: BHEKI RADEBE

ABAFUNDI abangamakhwenkwe bazithuma ethafeni, ootitshala benza imiqodi bayokuzithuma elalini, maxa wambi bachame bejongwe ngabafundi logama abafundi abangamantombazana besenza umtyangampo woludwe kwindlu yangasese enye nenobungozi.

Le yimeko yesikolo iEnoch Mamba Technical Institute eLota eDutywa. Kwesi sikolo, into yokuzithuma ube ujongwe ngabanye abafundi yinto esele iqhelekile.

Ootitshala bathi bakuva ukuba indalo ifuna ukuphendulwa, bathabathe iimoto zabo baye elalini beyokucela ukuzikhulula. Ongenamoto ucela kwabanazo kungenjalo ajonge loo titshala ufuna ukuya kuzithuma ahambe naye.

Xa utitshala oyindoda efuna nje ukuchama, uya ngakwitanki elidala kwesi sikolo achame ejongwe ngabafundi.

Umfundi kaGrade 11 uMihlali Makhangela uncokolele I’solezwe ekunye nabanye abafundi kwithafa elikufuphi nesikolo, apho inkungula yabafundi abangamakhwenkwe baye bagcwale khona ukuya kuzithuma. Oku kungokuba indlu yangasese inye jwi eEnoch Mamba, kwaye isetyenziswa kuphela ngamantombazana.

UMihlali uthe: “Le meko isiphatha kakubi, isithobela isidima. Nokuba sekubanda, kufuneka size kweli thafa. Mininzi imizuzu esiyichitha ukuza kweli thafa. Yintoni le ibangela ukuba urhulumente angasakheli isikolo?”

Yena uSonge Molose, owenza uGrade 11, uthe: “Ukuba kuyana, siza kweli thafa. Noko ayonto intle le. Ngamanye amaxesha, uphuma kwigumbi lokufunda uphiswa, uze apha, xa ufika iphelile lo nto ngenxa yomgama.”

UZiseko Caine ofunda uGrade 12 uthi wasuka eLusikisiki weza kwesi sikolo, kuba eve ngezinga lokuphumelela kwabafundi.

Omnye umfundi, uLebo Majeke owenza uGrade 12, uthi imeko yesi sikolo ibathobela isidima kodwa banyamezele kuba bafuna imfundo.

Abazali abanabantwana abakwesi sikolo bathi basakha ngokwabo esi sikolo ngonyaka ka1994, kodwa oko belindile kurhulumente bethenjiswa ngokuba baza kwakhelwa kodwa nkqi ukuzalekiswa kwezo zithembiso.

Usihlalo webhodi elawula (SGB) esi sikolo uCharge Office Phika, uthi noko lide ithuba belinde ukuba sakhiwe esi sikolo. “Akukho ndawo singayihambanga sifuna ukwakhelwa esi sikolo, kodwa akukho mntu ude asimamele.”

UNokwakha Glen, ilungu leSGB, uthe: “Sibaluleke kakhulu kuthi esi sikolo kuba sivelisa izakhono. Xa kubandayo apha, abantwana bombatha iingubo. Ngenxa yobubi bemeko yesi sikolo, kukho umntwana oyintombazana owatshona kwindlu yangasese.”

Ngethuba I’solezwe lityelele esi sikolo, kwelinye igumbi sifike kukho abafundi abakwikhulu elinamashumi amabini anesine (124) behlohlwa ngutitshala wabo.

Iifestile zophukile kwamanye amagumbi, logama kwamanye uphahla lusenza ubone ngoku ungaphakathi.

Utitshala wesi sikolo uthe: “Imeko yesikolo sethu ithobela phantsi isidima, kuba kufuneka siye elalini xa sifuna ukuzikhulula. Ukuba ke sifuna ukuchama, siya ngakwitanki elidala apha eyadini sichame.”

“Siyakhala kurhulumente, kudala silindile. Sicela ukuba sibonelelwe ngamagumbi asemgangathweni,” utshilo lo titshala.

Ngaphandle kwezifundo zesiqhelo, iEnoch Mamba, enabafundi abaphuthaphutha amakhulu amane, ihlohla izifundo ezikunika izakhono zokuphuma kwesi sikolo, ube sele uyokufuna umsebenzi endaweni yokuqala eyunivesithi.

Ezi zifundo yiCivil Technology eyenziwa yiWoodworking neConstruction. Kukwahlohlwa neMotor Mechanic eyenziwa yiMetalwork ze kubekho neEngineering Graphics and Design.

Isithethi sesebe lezemfundo uMali Mtima uthi izicwangciso zokwakhiwa kwesi sikolo zenziwa, ze umsebenzi wanikwa abakwaIndependent Development Trust. Akakhange acacise uMtima ukuba iqala nini ukwakha iIDT.

Ngokwembali uEnoch Mamba, obhubhe ngo1916, usuka eHewu kwaye waba yititshala yokuqala eLota, kwaye wakhe wanguSodolophu eDutywa. UMamba, owayeyinkosi eLota, wadlala indima ekusekweni kweANC ngo1912. UCharlotte Maxeke, itshantliziyo lezopolitiko, wayeqashwe nguMamba efundisa eLota Junior.