Bazityand’ igila abahlali

BAZITYANDE igila, kwigosa le-ofisi yenkulumbuso abahlali bendawo yaseHomeleigh eMonti.

Abahlali bakhala ngelithi aboneliseki yindlela yokuthuthwa kwabantwana babo ukuya ezikolweni.

Bathi inani labafundi abathuthwa phantsi kwenkonzo karhulumente yokuthuthwa kwabafundi lincinci kakhulu kunenani labafundi ebekufaneleke ukuba nabo bayaxhamla. Bakwakhalazela ukungoneliseki yimeko yezikolo abafundela kuzo abantwana babo.

UNtombikayise Sidakana ongomnye wabahlali uthe, “Sifuna ukuthuthelwa abantwana baye esikolweni kuba izikolo ezilapha kufutshane zigcwele.”

Ukwathe urhulumente makokhe izikolo kuba imeko yezikolo ezilapha azikho mgangathweni ufanelekileyo. USidakana uqhube wathi, “Abantwana bethu bafundiselwa kumahesi awayefudula ingawabelungu, naseNkwezane le bahamba kuyo iiklasi zidibene, akufundeki kuba xa bebaninzi kwigumbi elinye abantwana kubanzima ukumamela, bayadlala.”

Ukwathe, urhulumente makafake amagumbi ethutyana ukuze bohlulwe abafundi bamabanga awohlukeneyo kwigumbi elinye. Uqhube wathi, “Ingxaki kukuba bafika bengazinto kwibanga lesithandathu (Grade 8) kuba bengafundiswanga kakuhle kula mabanga aphantsi.

Omnye wabahlali uthe, “Sicela urhulumente ayiqonde intlungu yethu, kunzima ukuya emsebenzini ushiya abantwana endlwini kuba iminqweno yethu yeyokuba bona bafunde bafikelele apho thina singazange safikelela.”

UMahlubandile Qwase ophuma kwi-ofisi yenkulumbuso uthe, “Ndinqwenela ukubona isisombululo, ukuze abantwana baye esikolweni.”

Ukwathe bonke abantwana abaphuma kule ndawo bafanele ukuhanjiswa ngurhulumente.

UQwase uthe, abazali bafanele ukuqhankqalaza kuba imeko yokuhanjiswa kwabantwana babo ibinkenenkene kwakunyaka ophelileyo.

“Bayi- 167 kuphela abantwana ebebethuthwa, ngelixa bengaphaya kwamakhulu amane ebekufaneleke ukuba bayathuthwa. Kwa elo nani kungenxa yemfesane yotata othutha abafundi, kodwa naye ngoku uyabethakala kuba wenza umsebenzi angawuhlawulelwayo,” utshilo uQwase.

Ulebele ngelithi kukho imiba esaqosheliswayo nesakulibazisileyo ukuhanjiswa kwaba bafundi.

johnnie.isaac@inl.co.za