Bazizigidi eziyi62 abantu boMzantsi

Igosa lobalo licholachola iinkcukacha kumhlali. Umfanekiso: Phabalo Thekiso

Ingxelo yakutshanje ekutshwe ngabakwa Statistics South Africa (Stats SA) iqinisekisa ukuba ngabantu abangamashumi amathandathu anesibini ezigidi abantu belizwe loMzantsi Afrika. Oku kuvele ngethuba iStats SA igqithisa ingxelo yayo emalunga nobalo bantu ebelenziwe kunyaka ophelileyo kwilizwe loMzantsi Afrika.

Kuthwa elinani labantu boMzantsi Afrika linyuke ngomyinge weshumi lezigidi xa lithelekiswa nenani elalenziwe ngobalo bantu luka 2011. Kubantu ababalwe ngobalo bantu lonyaka ka2022, kukho abantu bamazwe angaphandle abazizigidi ezibini abaqukiweyo kweli nani.

Inani lamanina lithe kratya ngomyinge wesigidi esinye kuneso sabantu abangamadoda kuzwelonke. Ubalo bantu lenziwe ngoRhulumente jikelele kwihlabathi ngeenjongo zokufumana inkcukacha manani ngabantu belolizwe.

Oku kwenziwa ukulungiselela ukuhanjiswa kwenkonzo nokwabiwa kwemali ngokuhambelana namanani wabantu belizwe elo.

Linyuke ngomyinge wamashumi amabini ezigidi inani labantu beli xa kuthelekiswa nenani lobalo bantu lonyaka ka1996. Ukusukela ngo1996 linyuke rhoqo inani labantu boMzantsi Afrika xa kusenziwa ubalo bantu.

Inkqubo yobalo bantu ka2022.

Ngo2001 babengamashumi amane anesine ezigidi abantu belizwe loMzantsi Afrika, eli nani linyuke ngokucacileyo ngokobalo bantu luka 2011 kuba babengamashumi amahlanu ananye ezigidi abantu.

Iphondo laseRhawutini litshotsha entla ngamanani wabantu xa lithelekiswa namanye amaphondo, kuba lineshumi elinesihlanu lezigidi. Amadoda ngawo amaninzi kunabasetyhini kwelaseRhawutini, kwaye kutyholwa iimeko zengqesho ezikhangelwa luninzi lamadoda kwela phondo.

Baqikelelwa kwisigidi abantu beMpuma Koloni abashiya eliphondo ukuya kukhangela amathuba engqesho kwiphondo laseNtshona Koloni.

Kuthwa sisiqingatha sesigidi abantu beMpuma Koloni ababalekela eRhawutini. Uninzi labo baphuma kumazwe angaphandle bangena eMzantsi Afrika bathanda ukuzimela kwiphondo laseRhawutini naseNtshona Koloni. Ngokwamanani asekezelwe kubuhlanga abantu abamnyama bahamba phambili ngamashumi asibhozo ananye ezigidi.

UCalvin Molongoana weStats SA uthi kubalwe wonke umntu ophuma ngaphandle. “Sibale abo balapha ngokusemthethweni kwakunye nabo bangene ngokungekho mthethweni,” kucacisa uMolongoana.

Uhambisa athi abantu abaninzi abaphuma kumazwe angaphandle abathe babalwa basuka kwilizwe laseZimbabwe.

Sisigidi abantu abaphuma eZimbabwe abakweli loMzantsi Afrika, balandelwa lilizwe laseMozambique, Lesotho, Malawi, UK, Ndiya naseNayijeriya.

Ulwimi lesiZulu nesiXhosa zezona zithethwa ngabantu abaninzi kuMzantsi Afrika xa zithelekiswa nezinye ilwimi ngokwengxelo yeStats SA.