Bebefuna kunobhala esiqwini abeANC

Unobhala weANC kwingingqi yaseAmathole uTeris Ntutu , uphume ngentunja kwindibano yokuqala yebhungua lomasipala waseMnquma, yokufungisa kooceba emva kokuba amalungu alombutho eMnquma ebefuna kuye esiqwini.

Amalungu ombutho olawula ebelugcwabevu ngumsindo etyhola uNtutu kunye nesigqeba sakhe ngokutshintsha amagama abagqatswa ebekumele ukuba babengusodolophu, usomlomo kunye nesabhokwe sebhunga kumasipala.

UThobeka Bikitsha wonyulwe njengosodolophu libhunga, uZibuthe Mnqwazi njengosomlomo ngelixa uZakhele Mkiva etynjwe njengesabhokwe sebhunga. Amalungu e-ANC eMnquma athi ebengalindelanga lamagama nanjengoko ayenyule abanye abantu.

Omnye wamalungu obethetha egameni labahlali, uVuyolwethu Hani, uthi amasebe angamashumi amabini anesixhenxe eMnquma ayevumelene kwelokuba kusiwe igama likaThobokazi Ntanga kunye noNoluthando Qikane bakhuphisane ngesihlalo sobangusodolophu. USithembele Ncethezo kunye noSisa Matutu bebetyunjelwe ukuba bakhuphisane kwindawo yokuba ngusomlomo webhunga.

“Sathumela amagama kwingqingqi ukuba kukhethwe kuwo kodwa kuthe ingekahlalwa indibano yebhunga seva amarhe athi lamagama atshintshiwe,” utshilo uHani.

UNtutu uthi ulandele zonke iinkqubo zombutho phambi kokuba kuchongwe abagqatswa. “Into eyenzekayo apha kukho abo bafuna ukufezekisa iminqweno yabo besebenzisa igama leANC,” utshilo uNtutu.