UWarrant Officer Thembalakhe Nduna, weMthatha K9 Unit, obhubhe kwingozi yemoto ephangele kwiveki ezimbalwa ezidlulileyo, ngenxa yokuzinikela kwakhe emsebenzini, ude wabe usemngciphekweni kwizaphuli-mthetho ngokokutsho koMkomishinala wamaPolisa aseMpuma Koloni.
Oku kuvele ngethuba kuqhuba inkonzo yomngcwabo kaNduna kwikhaya lakhe kwilali iMadadana eMbizana ngeCawe.
ULieutenant General Nomthetheli Mene, nobengomnye wabazimase lo mngcwabo, uthi uNduna ubekuluhlu lwamagama amaPolisa angeniswa kwiOfisi yakhe nagacelwe ngoonqevu njengoko engomnye wabasebenza ngokuzinikela ukulwa ulwaphulo-mthetho. UMene uthi uNduna akakhange aliphoxe ikhaya lakhe kwane gama lakhe kuba uthembakele de kwasekugqibeleni.
UNduna ubhubhe ngoMvulo umhla we-16 kuhola wendlela uN2 ngakwisiphambuka sakuTsolo, ehamba noogxa bakhe bomsebenzi abane (4), ngethuba imoto yabo ingena kwingozi xa babelandelela kumkhondo wabarhanelwa ababeqhekeze umzi osePort Edward. UNduna wabhubha yedwa abane basinda.
UProvincial K9 Unit Commander uLeiutanent Khweta, uthi uNduna ebesoloko engaphandle esilwa ulwaphulo-mthetho umntu obengenakufane umfumane ehleli e-Ofisini.
“Bendithembele kuye njengoko ebelilungu elizimiseleyo kwaye sibulela usapho lwakhe kwakunye nenkosikazi yakhe ngokumvumela ekubeni achithe ixesha lakhe ezinikela kumsebenzi wakhe”, utshilo uColonel Khweta.
UMajor General Majikijela, naye umtyibeke ngezinto ezintle esithi ebethobekike kwaye enentlonipho uW/O Nduna. Uthi umazela kuye ngethuba eqala ukungena kwaSAPS nowaqala kwisikhululo iElukholweni eAlfred Nzo.
UWarrant Officer Nduna, ebekwi Mthatha K9 Unit nejongene ncakasana nokulwa ulwaphulo-mthetho kula mmandla njengoko iyenye yeendawo ezinezinga eliphezulu.
Lumka Oliphant: ‘Yekani utywala’