Bekungqishwa ngesingqi sethu eSajonisi

Bezishiyana ngotyefezo eSajonisi kwimpelaveki esiyishiyayo apho bekubanjwe umnyhadala wezenkcubeko (Isingqisethu Wild Coast Cultural Festival).

Lo mnyhadala, nobuqale ngoLwesine ukuza kuthi ga izolo, udibanisa zonke izizwe zephondo, kuxhentswe kubemnandi kube yilonto. Ezi zizwe ziquka abaThembu, amaBomvane, amaMpondo, amaMfengu, amaGcaleka, amaRharhabe, amaMpondomise, Amahlubi/abeSotho njalo njalo.

Ez izizwe bezidibene ukubhiyozela inkcubeko, ingoma, nezinxibo, ukutya nokuninzi abazingca ngako. Kowalo nyaka umbhiyozo ibingumbo nomxesibe njengesiqhelo, kule dolophana igudle unxweme.

Ongusihlalo we-Arhente yezokhenketho nemiyezo ephondweni (Eastern Cape Parks and Tourism Agency) uVuyo Zitumane uthembise ngelithi, kunyaka ozayo kumele ukuba lo mcimbi uboniswe ngqo kumabonakude, ukwenzela ukuba ilizwe nehlabathi libone obubumbejembeje balo mcimbi, apho noqoqosho lwale ndawo lufumana inzuzo.

Lo msitho ubusikelelwe bubukho bekumkani yesizwe samaXhosa uMpendulo Zwelonke Sigcawu, owesizwe samaMpondo uNdamase Ndamase, umphathiswa wezenkcubeko nobugcisa uPemmy Majodina, neenkosi ezivela kwizizwe ngezizwe.

Phakathi kweemvumi ezidyushe kulo mcimbi bezikhona iinto zoPhuzekhemisi, uMaphila ngokuzenzela, namanye amaqela asekuhlaleni.