Usothuse ngento enqabileyo eMpuma koloni uSiyanda Nela kule nyanga iphelileyo, ngokuthi asingathe umsitho woonobuhle kwakunye nempahla yefeshini eyenziwe ngamachule okwenza impahla yodidi oluphezulu.
Kwimpela veki edlulileyo uNela ebephithizela eThe Venue eHemingways kwakhona, apho abenzi beempahla abalishumi bebebonisa ngobugcisa babo ekuthungeni. Oonobuhle bebenxibe ezodidi iimpahla, ukusukela komcinci ukuya komdala.
Ibiluchulumanco kwaba bathungi elowo ebobothekile yimincili emva kokuba abaxhasi bezalise igumbi, bamane ukuphakama beqhwab ‘izandla kwakungena lowo ubonisa ngesinxibo sohlobo oluthile. Oku kucacisa mhlophe ukuba ukusukela oko eli lathi lafumana inkululeko maninzi amakhono esinokuwalandela ngaphandle kokuba ngunesi, igqwetha okanye ugqirha.
UNgcali Bam ongu Miss Face of the Globe obebukele uthe, “intle into ebilapha andikwazi ukuwuvala umlomo. Le mpahla iyabonakala ukuba yenziwe ngamachule awuthandayo umsebenzi wawo.”
Ukanti yena umenzi wempahla uSandi Dani obebila esoma uhlomle wathi “kwehle into emagxeni am ukubona yonke into ebesiyizama iphumelela, ngoku ndijonge ezayo ngomzimba ongenaxhala.” Bonke ababathungi bebephuma eMpuma Koloni kwaye bekulandelwa imiqathango ethile ukuze kuchongwe abaphumeleleyo.
OkaNela uvakalise ukoneliseka yinkxaso kwakunye nabavelisi bempahla. Ukwathembise ukuba uzakuphinda ubekhona lo mboniso.
IZIMVO | Ngumbutho waseKZN iMK Party