Belinembeko inenekazi elifunyenwe libulewe!

KAPA: Lichazwe njengomntwana obenembeko ethobekile kwikhaya lakhe, inenekazi ekwafunyanwa umzimba walo kwiingcongolo ezikwingingqi yoogobityholo koo-TR eKhayelitsha. 

ULumka Ntloko onguninakazi kweli nenekazi ubethetha kwinkonzo yesikhumbuzo ebibanjwe kwisikolo samabanga aphakamileyo eSangweni nalapho athe  “UZanele ebeyintyatyambo yekhaya, ebenembeko eyazi into ayifunayo ebomini ngekamva lakhe. Andimanga apha ukuzokuthetha ngomntwana obengaqeqeshekanga, ndithetha ngomntwana obecela, eyaleza phambi kokuba ahambe aye endaweni. 
Nangosuku lokugqityelwa ukubonwa kwakhe ephila, wacela imvume yokuya kuzonwabisa nabahlobo bakhe, silahlekelwe kakhulu silolu sapho.”

UZanele Sandlana ubeneminyaka engamashumi amabini ananye ubudala, wagqityelwa ukubonwa ephila lusapho lwakhe esiya kwisiyunguma somhlobo wakhe eSite B ngobusuku bangoMgqibelo, wesibini kweyoMsintsi. 

Umzimba wakhe wafunyanwa ngabahlali bengingqi yooTR kwiingcongolo ezikufutshane, ekhululiwe iimpahla washiywa ngezihlangu nebhodi. 

Wayebonakala etshisiwe emqolo kungacaci ukuba ubulewe njani kwaye edlwenguliwe. 

Amapolisa acela oonondaba ukuba bancedise ukufunisa ngosapho lwale ntwazana, nolwaye lweva kwisikhululo sikanomathotholo sasekuhlaleni.

Uceba kwaWadi 89 uMonde Nqulwana okwakwisigqeba esikhokele amaKomanisi oMzantsi  Afrika kwiNtshona Koloni uthe, “SingamaKomanisi sibona kubalulekile ukuba kuyeke ukufundiswa amanina ngamalungelo awo kube kushiywa ngasemva amadoda, sizakuqalisa amaphulo apho sifundisa ngokusuka kwengqondo ebantwini abakhuliswe phantsi kwenkqubo ekhokelisa ukuba amadoda ngawona anobungangamsha, sifuna isuswe ingqondo yokuba indoda yeyona inamandla kunomfazi. 
SingamaKomanisi sibona inkululeko apho wonke ubani elizweni ezakuhlala ngaphandle koloyiko.”

UNqulwana uqhuba  athi eyona mpazamo inkulu kukuba kuthathwa oomama bayokufundiswa bodwa ngamalungelo kushiywe amadoda ngasemva,  kodwa ngoku bazakuqalisa indlela zokuguqula oku. 

Uthi “Sanele ngamadoda asebenzisa ubunganga bawo ekuphatheni gadalala oomama nabantwana, kudala amanina ebulawa edlwengulwa ngamadoda awo nabantwana bedlwengulwa bebulawa ngotata babo”.

Amapolisa athi uphando lwetyala lokubulawa kukaZanele lukwimeko enkenenkene abanakukhupha zinkcukacha zithe vetshe kumajelo eendaba, kodwa angqinile ukuba akukabikho mntu ubanjiweyo okwangoku.

UZanele kulindeleke ukuba abekwe kwikhaya lokugqibela ngoMgqibelo umhla we-16 kwikhaya lakhe eKuyasa, ushiya ngasemva intombi yakhe eneminyaka emibini ubudala ezakuba yinkedama ngoku nanjengoko uyise waba lixhoba lezigilamkhuba edolophini eKapa.