Belingaqali ipolisa ukufuna ukubulala inkosikazi!

Izihlobo zikaAndiswa Zweni owadutyulwa ngumyeni wakhe olipolisa wasweleka, uZandisile Zweni, kwiNkundla kaMantyi eMonti-Umfanekiso: BHEKI RADEBE

Umama wenkosikazi edutyulwe yabulawelwa kwisikolo iVoorpos eCambridge eMonti, idutyulwa ngumyeni wayo olipolisa, uthi kudala ikhona ingxabano kwesi sibini kwaye wakhe wakhonjwa ngompu umntwana wakhe leli polisa.

Kule veki uZandisile Zweni (44), ipolisa laseKidds Beach, uvele kwakhona phambi kweNkundla kaMantyi waseMonti eyokufaka isicelo sebheyile kulandela ukudubula abulale inkosikazi yakhe uAndiswa Zweni (37) ngomhla wamashumi amabini anesibini kwinyanga ephelileyo.

Umama kaAndiswa, uNomthandazo Robson, uxelele inkundla ukuba intombi yakhe kudala ineengxabano noZandisile.

URobson uthi esi sibini, esinabantwana ababini, besikwinkqubo yokuqhawula umtshato, kwaye uZandisile sele esuka kukhomba uAndiswa ngompu kwityeli langaphambili, nalapho uAndiswa waye wayokuvula ityala kodwa waphinda walicima lingekafiki ezinkundleni.

URobson uthi waqala apho ukoyika uAndiswa, wafaka neleta yokumkhusela (protection order) ngakuZandisile.

Kodwa kubungqina obufundwe enkundleni ngumcuphi uMthobeli Mazitshana weIPID, umbutho wabo baphanda amatyala enziwe ngamapolisa, budize ukuba uAndiswa waye wayokulirhoxisa ityala ebhale ukuba “ngumyeni wam kwaye ungutata wabantwana bam kungenjalo ndifuna uxolo”.

URobson ukwadize nokuba ebenganqweneli ukuba ayifumane ibheyile uZandisile kuba unobungozi kubo nasebantwaneni. Emva kokwehlika emkhumbini uRobson wothule isikhalo, ethuthuzelwa lusapho lwakhe.

Ongumhlobo kaZandisile ongafunanga kuchazwa ngagama uyiphikile eyokuba uZandisile anganobungozi kubantwana bakhe.

Uthi ubathanda kakhulu kuba nemali esikolweni ibhatalwa nguye. Utata kaZandisile uNkosayiphathwa (78), encokola bucala nephephandaba I’solezwe uthe kumothusile okuthe kwenziwa ngunyana wakhe.

“Ebengabonakalisi bundlongondlongo kum xa efikile. Akaseli, akatshayi, ungumntu othanda ezemidlalo,” utshilo utata kaZandisile.

Kubungqina benkundla, uZandisile wafika wavingcela imoto kankosikazi ukuba ingaphumi esikolweni, wabe sele esiya kwimoto yomfazi emkhupha emrhuqela kwimoto yakhe, nalapho wafika wamdubula izihlandlo ezibini esifubeni kwakunye nasentloko, neyathi yaphumela ngasemva eyasentloko. Oku kwenzeka emva kwentsimbi yeshumi elinanye ngaphakathi kwesi sikolo.

UZandisile ebevele kwakhona kwiNkundla yaseMonti izolo, nalapho kuthiwe isicelo sakhe sebheyile sakusatyelwa ngowama27 kule nyanga.