Beliyifumene njani imela ibanjwa?

Amapolisa aseMthatha aphanda ukuba ibanjwa elidutyulwe labhubha eMthatha ngoMvulo, beliyifumene njani na imela elihlabe lonzakalisa ngayo ipolisa kwinkundla ephakamileyo yesi sixeko.

Eli banjwa, uLuthando Mndayi (32), likwenze oku kuba lifuna ukubaleka eluvalelweni. Lidutyulwe labhubha ibanjwa elinamashumi amathathu anesibini ubudala xa belizama ukuqhwesha ngethuba beliyokuvela kwinkundla yamatyala aphakamileyo eMthatha ngoMvulo.

Oku kwenzeke phambi kwentsimbi yesine apho belilindele ixesha lalo lokuvela kwinkundla njengoko lijongene netyala lokubulala.

Eli banjwa labanjwa ngo2010 ngenxa yokubulala. Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa kula mmandla uMzukisi Fatyela, ibanjwa elibhubhileyo belikhatshwa namanye eyokukhweliswa kwiveni ethutha amabanjwa esiwa kwintolongo iWellington apho ahlala khona.

“Eli banjwa lihlasele ngokukhawuleza ipolisa lilihlaba ngemela amanxeba ngamanxeba kumzimba ongentla laleqa kwelesibini ipolisa. Ipolisa lizamile ukudubula phezulu ngelilumkisa ibanjwa eli laze lachanwa labhubha,” utshilo uFatyela.

Uthi ipolosa elihlatyiweyo likwisibhedlele saseMthatha kwaye likwimeko ezinzileyo. Ukanti, ayisosiganeko sokuqala esi sokuhlaselwa kwamapolisa ngamabanjwa sisenzeka kwezi nkundla.

Kwakule nkundla, kwinyanga yoMsintsi ngo2014, kwadutyulwa kwabhubha amabanjwa amabini awayenobungozi ngamapolisa, uSakhumzi Mvoko kwakunye noYandisa Bila.