‘Bendicinga ukuba nguye onondingcwaba umntwanam’

UAsithandile Kwasa Zozo ,19, uza kubekwa kwikhaya lakhe lokugqibela eBolotwa eDutywa ngoMgqibelo umfanekiso: Facebook.

“Iphumlile intombi yam ngoku. Bendicinga iya kuba nguye ongcwaba mna njengamzali wakhe, ndingazi ukuba ndim oya kungcwaba yena kuqala.”

La ngamazwi kaMzulungile Zozo ongutata wentwazana uAsithandile Kwasa Zozo (19) ehlatywe yabulawa ngumfana owayencuma nayo ngaphambili, eDutywa, ngoMvulo.

Utata wexhoba uthi bathatha beyeka ekhayeni oko kuthe kwafika ezi ndaba kubo, sele encedwa ngoobhuti bakhe abammamelelayo nabamkhaphayo ukulungiselela umngcwabo wentombi yakhe.

Uthi eyakhe ingqondo isaphazamisekile kokwenzeke kwintwazana yakhe. Uthi umama womntwana yena uquqa koogqirha baseDutywa ngumothuko.

Uthi kusapho ayikangeni ncam kubo ingathi kuzothiwa kuyaxokwa bekudlalwa. “Kwindawo yexhwayelo kuqale ukufika ubhuti wam kuba mna ndiphangela kude. Wabalekiselwa kugqirha olapha edolophini eDutywa, emva koko kuba imeko imbi wabalekiselwa esibhedlele eGcuwa kanti sele ebhubhile, koko ugqirha woyika ukusixelela de sabe siyanyanzelisa ukubona umntwana,” utshilo uZozo.

Uthi uAsithandile ebehleli endlini kowabo edolophini noosisi bakhe kwakunye nomtshana wabo emini ngoMvulo ngethuba kwenzeka esi sihelegu. Uqhuba uthi umrhanelwa ungene ngefesitile yasendlini yangasese emini njalo, wafika sele ephethe ibhozo elikhulu esithi kungabikho namnye okhalayo uya kubabulala bonke, watsho ethatha iisimcard zabo bonke zeefowuni esithi ufuna bangafowni.

Emva koko urhuqele uAsithandile ngaphandle, waqala ngokumseza iyeza letanki wamfaka nesoloteyiphu emlonyeni, embopha kuba ezilwela uAsithandile.

“Umntwana wam zange akhawuleze ancedakale kodwa lona ithuba belikhona. Uthi abantu ebebebukele bazame ukunqanda, bathi bebecinga kuqala ngabantu abadlalayo abaqhwabanayo nje, xa besondela ngamatye umrhanelwa waxelela abo bantu ebebezama ukunqanda ukuba mababeke amatye kungenjalo uza kulifaka ibhozo, ambulale uAsithandile.

UAsithandile, nobebizwa njengoMaMiya ngutata wakhe, ungowesithathu kubantwana bakhe. Ebesenza unyaka wakhe wokuqala kwiyunivesithi yaseWits.

Utata wakhe uthi uya kumkhumbula ngoncumo, ngokusoloko esiza nezisombululo ngamaxesha onke kwiingxaki zekhaya, nokusoloko ezenza unontlalontle kubo phakathi kosapho.

Uthi ukhumbula nangosuku lwakhe lokuqala emsa eWits eGoli ngohlobo awaye nemibono ngalo ngobomi, esithi uza kutshintshela notata wakhe imoto. Uthi uMaMiya ebengumntu onemibono kwaye onenjongo ngobom.

“ Ndingumzali, akukho lula ukuzazi izinto zesidyolo ebantwaneni, ukuba bendazile ngendimhlangule kwakuqala uMaMiya kuba kuthwa wayesele ohlukene nale nkwenkwe.” UAsithandile uza kubekwa ngoMgqibelo kwilali yaseQokoma, ngakwisikolo iNgwenze High eBolotwa, eDutywa.

UMkomishinala wamaPolisa ePhondweni Lt Njengele Liziwe Ntshinga usikhalimele esi sehlo, watsho ebongoza uluntu ukuba lwenze intlabamkhosi, kufundiswe uluntu ngobuzaza bodushe olujoliswe kwisini sabasetyhini nabantwana.

Umrhanelwa uViwe Rulumeni (19) uye wazityisa iipilisi ezama ukuzibulala emva kokuba enze eli sikizi. Amarhe athi ubhubhile kodwa ngokwengxelo ephuma emapoliseni ephondo usaphila umrhanelwa kwaye uphantsi kweliso lwamapolisa esibhedlele eGcuwa.

Isithethi sephondo Brigadier Tembikosi Kinana kwingxelo abayikhuphileyo ithi ukuphila komrhanelwa uza kubekwa ityala lokubulala ajongane nengalo yomthetho.

abongile.ginya@inl.co.za