‘Bendifutshane nengcwaba, ndingakwazi ukuzikhusela’

INDODA ehamba ngesitulo samavili (wheelchair) yakumatyotyombe aseMzamomhle eGonobie eMonti ayikayikholelwa nanamhla oku indlela esinde ngayo kumlilo otshabalalise amatyotyombe ale ndawo, nanjengoko ithi ukufa besele kufikile kuyo yabe ingakwazi ukuzikhusela.

Ngamatyotyombe akumashumi amathathu anesine (34) athe atsha ngentsasa yangeNyibidyala eMzamomhle, eshiya abantu abangaphaya kwekhulu bengenandayo yokufihla intloko.

Lo mlilo uqale kwityotyombe lendoda eneminyaka engamashumi amane, ekucaca ukuba ibipheke inyama yabe ikhe yagqitha emagweleni. Le ndoda ipheke nje le nyama emva koko yalala, kanti ishiya isitovu sitshisa ityotyombe. Le ndoda yiyo yodwa ethe yonzakala kwesi sehlo, kuba ngeli xesha kuqala umlilo, yona ibikobude ubuthongo. Sithetha nje ilwela ubomi bayo kwigumbi labagula kakhulu (ICU) kwisibhedlele saseFrere eMonti.

Indoda ehamba ngesitulo esinamavili (wheelchair) eneminyaka engamashumi amahlanu anesithathu (53) uSiphiwo Mkaki uthi lo mlilo ufike elele kwityotyombe lakhe.

“Ndive kukhwazwa, kuhlatywa umkhosi ndabe ndingaphakathi kwityotyombe lam. Ndincedwe ngabatshana bam bazokundihlangula kuba andikwazi ukuzihambela, kufuneka ndiqhutywe.

“Bafike ndihleli ebhedini, ndizama ukuzindiza ngokuthi ndibhukuleke kodwa kwabe kunzima. Ukuba bebengeko, mhlawumbi ngekuthethwa enye into ngoku,” utshilo uMkaki.

UMkaki uthi kulo mlilo uphulukene nezinye zempahla zakhe, unomathotholo kwakunye nomabonakude.

UNontuthuzelo Klaas oshiyeke engenalo necephe, ohlala nosapho lwakhe etyotyombeni uthi ucinge ukuba kuyadlalwa xa ebetsalelwa umnxeba exelelwa ngetyotyombe lakhe eliphele vuthu ngumlilo.

“Ndikholelwe xa ndifika ndizibonela ngamehlo bendicinga ndiyadlaliswa qha kufunwa ndibuye. Akumnandanga kuthi tu iingqondo zethu zisamile kuba asiyazi ukuba uphuma kwethu apha sizoqala ngaphi,” utshilo uKlaas.  

Yena uNontombana Mtiwake uthe: “Besisazihlele sipheka sibhiyozela iNyibidyala seva kukhwaza ‘umlilo’. Asinayo neyokuqala siphelele njengokuba usibona. Ixhala ngabantwana ekufuneka beqale isikolo kuba akukho nenye into endiyicholileyo kwityotyombe lam.”

UNtombentsha Jobela osebenzela urhulumente (CDW) uthi bakwinzame zokucelela amaxhoba izindlu zethutyana nangona nje usodolophu engekabikho. UJobela uthi intsebenziswano kubahlali baseGunubie yiyo anokuthi yenze amaxhoba omelela kuba inkxaso ephuma koosomashishini baseGonubie kuquka neecawa icandelo lentlekele kumasipala kwanombutho iRed Cross ayinambaliso.

Isithethi samapolisa uWarrant Officer Hazel Mqala, uncome intsebenziswano ephakathi kwabahlali bala mmandla esithi kumatyala okutsha kokokuqala ukubona intsebenziswano nanjengoko esithi oosomashishini baseGunubie benze umnqa ngokunikela ngeempahla, ukutya kwanempahla zokunxiba kumaxhoba. UMqala uthi kulo mlilo akukho mphefumlo uphumileyo, kodwa bayaphanda.

Abahlali abatshelwe ngamatyotyombe basagcinwe kwiholo yoluntu yale ndawo, befumana isisa kwiityalike nakoosomashishini baseGonubie. Apha kubo, kuquka neemveku ezintlanu.

Ngethuba I’solezwe belityelela indawo yexhwayelo, lifike abanye abahlali bezama ukuvusa amatyotyombe abo.