‘Bendingasoze ndibulale qabane ngenxa yokrexezo’

USEKELA Mphathiswa weSebe leMfundo ePhakamileyo uButi Manamela uthi amakhosikazi aliqela abulewe ze emva koko kwabuzwa imibuzo yokuba enze ntoni le nto ebulawa ngolu hlobo.

“Into ebambekayo kuyo yonke le nto kukuba babulawa ngenxa yokuba bengamakhosikazi. Abo babulawa ngenxa yesini sabo okanye indlela yokwabelana ngesondo, babulawelwa isizathu sokuba benonodese (vagina). Abo babulawa ngenxa yokuba beziigeyi, babulawa ngenxa yokuba baphila okwabantu abanonodese,” kutsho uManamela.

UManamela ebethetha eMonti ngoLwesithathu apho iYunivesithi iFort Hare ibibambe inkonzo yesikhumbuzo sikaNosicelo Mtebeni (23) obhubhe emva kokubulawa sisinqandamathe sakhe uAlutha Pasile (25).

UMtebeni noPasile bebehlala kunye eQuigney eMonti. UPasile uxelele abasemagunyeni ukuba umbulele emva kokuqaphela ukuba uyakrexeza.

Wambulala ngoLwesibini (16 kweyeThupha) weveki ephelileyo emva koko wagcina umzimba wale ntwazana yaseMatatiele iintsuku ezimbini. Uthe akubona ukuba umzimba uvuza igazi wawufaka esutikheyisini nakwiibhegi wayokuwulahla.

Ethetha nabazili, uManamela ubuze ukuba: “Ingaba sizilele ukubhubha kukaNosicelo ngenxa yokuba kwenzeke ngenyanga yoomama okanye ngenxa yendlela emasikizi abhubhe ngayo?”

Buti Manamela UMFANEKISO: UTHUNYELWE

“Kodwa sikwazi ukuthula xa ezi zinto zisenzeka emfihlakalweni. Ezi zinto ziyenzeka umhla nezolo, kodwa siyathula, sikhethe ukuthetha ngenxa yokuba le nto ilisikizi. Bendingasoze ndiyenze into enje ngale. Bendingasoze ndibulale qabane lam ngenxa yokuba likrexeza. Bendingasoze ndichithe ubusuku nesidumbu [seqabane lam],” utshilo uManamela.

Kusenjalo iqela labafundi abebefudula befunda eFort Hare, ngokukhokelwa nguMongameli wabo uAdv Andile Mini, lidize ukuba likhuphe imali eyiR150 000 ukuxhasa usapho lakwaMtebeni.

UMini uthi beleliqela bagqibe ngelokuthabathela ngakubo usapho lakwaMtebeni kule minyaka mine yolawulo lwabo (convocation) ukuze balincede ngezonto zifuna uncedo. Oku, ngokokutsho kukaMini, ziindlela zokugcina umzila kaMtebeni uhleli.