‘Bendivuka ngentsimbi yesithathu ndifunde’

Reamohetse Mofitisiso

KWABANYE ukusebenza nzima esikolweni kuthetha ukuzimisela nokugxila ezincwadini okanye ukongeza umxakatho wokufunxa ulwazi, kodwa akunjalo kuReamohetse Mofitiso waseLehana Senior Secondary eMount Fletcher nongoyena mfundi kaGrade 12 ugqwesileyo kwiimviwo zika2017.

UMofitiso uwongwe yiNkulumbuso uPhumulo Masualle njengoyena otshatsheleyo kubo bonke abafundi bakaGrade 12 eMpuma Koloni.

Unobangela wokugqwesa kwakhe kubangelwe zezi ziphumo kwizifundo zakhe: Sesotho Home Language (Level 7, 93%); English First Additional Language (Level 7, 92%); Geography (Level 7, 100%); Physical Sciences (Level 7, 100%); Life Sciences (Level 7, 98%); Mathematics (Level 7, 97%); Life Orientation (Level 7, 87%).

Le mpumelelo ithetha ukuba uMofitiso uzakuba nebhasari yokufundiswa ngumbuso wephondo, ilephutophu, kwanemali abayinikwa kanye xa besiya eyunivesithi.

Ethetha nephephandaba I’solezwe, uMofitiso, ozakwenza i-Actuarial Science kwiYunivesithi yaseKapa (UCT), uthi imfihlo kudumo lwakhe ayiphelelanga nje ekusebenzeni nzima.

“Ewe bendisebenza nzima njengabanye abantwana, kodwa ndazixelela ukuba njengesiqu kufuneka ndisebenze nzima, ndingazifanisi nabanye abantwana. Kumaxesha amaninzi, bendiye ndivuke ngoqhizi ngentsimbi yesithathu ndifunde.

“Lo nto ibibangela ukuba ndithi ndisiya esikolweni, ibe ikhona into esele ndiyifundile,” utshilo uMofitiso.

Isikolo sikaMofitiso sikwiphandle laseTsekona eMount Fletcher. UMofitiso uthi into ebalulekileyo kukuzimisela nokuzinikela kulo nto uyenzayo. Uthi nokuba usezilalini, xa ufuna impumelelo uyakwazi ukuyifumana.

“Gxila kule nto uyenzayo, uyeke eyokuba usezilalini okanye usedolophini. Impumelelo iza kuphela xa uyisebenzele nzima ngokuzinikela nangokuncama ezinye izinto,” kutsho uMofitiso.

Ephefumla kwisigqibo sakhe sokwenza i-Actuarial Science, uMofitiso uthe: “Ndifuna ukufundela i-Actuarial Science nje kukuba kweli candelo ndiza kukwazi ukusebenzisa isakhono sam kwezezibalo ukusombulula iingxaki.”

UMphathiswa wezeMfundo eMpuma Koloni, uMandla Makupula, uwuqhwabele izandla umsebenzi owenziwe ngabafundi bakaGrade 12 eMpuma Koloni, watsho ekhuthaza abo bangaphumelelanga ukuba bangalahli ithemba, koko basebenzise iinkqubo zesebe ezilungiselelwe abafundi abanjengabo ukuphuhlisa ulwazi lwabo ukuze nabo baphumelele.