Bengunogada, ngoku ligqwetha!

USipheleke, 27, wakwaBhaca ehleli nomama wakhe uMamanci Nongqotho, 75, kokwabo phambi kwenye yezindlu athi wakhulela kuyo umfanekiso: Uthunyelwe

USipheleke Nongqotho (29) welali yaseNtlabeni kwaBhaca, notsale nzima ekukhuleni kwakhe, ezamana nobom bakhe bube ngcono, de abe namhlanje ligqwetha, uthi kungamandla kaThixo nomama wakhe obesoloko emkhuthaza emvusa naxa esiwa.

Umama kaSipheleke, uMamanci Nongqotho (75) akafundanga kodwa khange angamniki nkxaso unyana wakhe. “Umama akafundanga kwaye ukundixhasa kwakhe bekungeyomali kuba akanayo kwaye akathathi ntweni, ebendixhasa ngokwasemphefumlweni nangokwasengqondweni, ehleli ekhona elilisana nam, umcelimngeni endinawo naye ibingowakhe. Ebewuthatha awuthwale kuye, ndizive ndibuhlungu ngaphakathi.”

“Kungoko umnqweno wam ikukuba aphile, imizamo yam ifezekiseke nangakumbi esekhona, azibone iziqhamo zenkxaso yakhe kum emva kokutsala kwakhe nzima kuba efuna ndiphumelele,” utshilo uSipheleke.

USipheleke emva kokuba ethe waphumelela uGrade12 eDawana High kwaBhaca waya kubantwana bakatatomncinci wakhe, uLulamile noPhumlani Nongqotho abasebenza eBhayi, wayokuhlala nabo apho bamzamela umsebenzi njengonogada.

Wasebenza into engangeenyanga ezintandathu emva koko wafumana kubhazabhaza wevenkile yempahla umsebenzi, wayeka ukuba ngunogada. Uthi uzamile ukufunda eUnisa, ngoku ebesaphangela kodwa woyisakala.

Uthi uLulamile ebesoloko embonisa ngesikolo esithi makabuyele azokwazi ukuba nekamva eliqaqambileyo. Uthi aye amhlala la mazwi wamane egcina imali xa erholile neyaye yamnceda ngo2015 wayokubhalisa izifundo zakhe zobugqwetha kwiYunivesithi yaseNtshona Koloni (UWC).

“Kwaba nzima kakhulu ke kuba kwakusenzima nokufumana imali kaNSFAS, ndazibhalisa ngemali yam kunzima indawo yokuhlala esikolweni, eyokutya, iimpahla ezintle, ndingenaso nesihlobo eKapa.”

Ushiye umyalezo kwabaninzi nalapho athi imvelaphi yomntu ayinanto yakwenza kumaphupha onawo.

Uthi abantu abaninzi belali yakhe bothuka xa bembona eKapa eqhubekeka nezifundo zobugqwetha kuba beyazi imeko yakhe emva ekhaya. Utata wakhe wayephangela emigodini, uthi akamazi ncam kuba wabhubha eselula ngokweminyaka.

Umama wakhe ukhule esebenza emizini elalini, efumana iR500 ngenyanga, ebemane encedwa yiyo esikolweni.

USiphelele ebegreda ngoNovemba kunyaka ophelileyo, nalapho athi esi sidanga sesikanina, ayisosakhe. Uthi ngenxa yale Covid-19 akakaqeshwa ngokusisigxina, iindawo ebezimthembisile zisathe makame.

Uvale ngelithi naye ufuna ukuba ngumzekelo kwabanye ngenye imini. USipheleke ukhangela ifemu yamagqwetha.