OOSOMASHISHINI abenze izigidi ngezigidi zeerandi ngenxa yokuncedwa yimithandazo kamama uNomthunzi Mangconde Mali izolo bebengawuvali umlomo ngethuba lo mthandazeli ebegqiba iminyaka engamashumi amathathu anesihlanu enceda uluntu.
Aba somashishini benze imiqondiso phambi koluntu eZigodlo ngaseQonce, bevuma imisebenzi yalo mama.
UMangconde ebebhiyozela iminyaka engamashumi amathathu anesihlanu engumthandazeli. Kulo msitho uMangcode ebekwabhiyozela iminyaka engamashumi amathandathu anesibhozo wazalwayo.
Bekubembejembeje kugcwele ngabaxhasi kwakunye nabalandeli bakaMangconde kulo msitho. Bekuxhelwe iinkomo ezine nebezixhaswe luluntu kwakunye neegusha ezingaphaya kwamashumi amabini, ukubhiyoza nalo mama.
UMangconde uthi, ngamanyange akubo kwakunye noThixo amgcine iminyaka engamashumi amathathu anesihlanu enceda uluntu.
“Ukuba uThixo kwakunye namanyange ayengathandanga ukuba ndibelapha ngendingekho, kwaye ngendingasaphili, kodwa ngentando yabo ndisekhona,” utshilo uMangconde
UMangconde uthi, kukho isiganeko apho kwakukho mntu othile owayeyokuthenga ifoto yakhe, waze wambona ukuba uze ngeenjongo ezimbi, nathi waye wamxelela esithi: “Ndiyakwazi awuyifuni ngesihle le foto uzokwenza ukungcola ngayo. Kanti kwanjalo, kuba wayingcwaba nebhokwe esithi ngumfuziselo wam, kufuneka zingadluli iintsuku ezintathu ndiphila.”
Indoda yaseSwazini yenze umbulelo esidlangalaleni ngemali engangewaka leerandi (R1 000) kuba ithe yafumana imali engangeR44 yezigidi zeerandi (R44 million) kwishishini layo.
Umama waseMthatha ubulele ngeR1 500 kuba naye eye wafumana imali engange R2. 4 million kwishishini lakhe. Ukanti nabanye babekile imali besithi bacela ukuthandaziswa.
Inkulumbuso yaseMpuma Koloni uPhumulo Musualle ebewuzimasile lo msitho waseZigodlo, esithi uMangconde wenza umsebenzi omhle kakhulu eluntwini, kwaye sele encede abaninzi.
“Silapha sizokungqina esikwaziyo nesikubonileyo. Siyabazi baninzi kakhulu abasekhe beza apha, kwaye emveni kokunyathela kwabo ukukhanya siye sikubone,” utsho uMasualle.
Abantwana ababini bakaMangconde uVusumzi (38) kwakunye noNdumie (30) bathi bayazidla ngonina wabo.
abongile.ginya@inl.co.za
Kubhubhe abantu kwingozi eyenzeke phakathi kweGcuwa neDutywa!