Benzelwa isiko ngekhwange!

Umhla wama21 kule nyanga kaTshazimpuzi, phaya kwiphondo laKwaZulu Natali, kwibala lebhola ekhatywayo elithiywe ngomakhwekhwetha kwezopolitiko uMoses Mabhida, awunakuze ulibaleke kwimbali yesizwe soMzantsi Afrika.

Umsitho osekelezelwe ekonwabiseni abalandeli bezemidlalo, ujike wayincindi yekhala. Izehlo neziganeko zangobo busuku zibonakalise mhlophe ukuba uninzi lwabantu bakuthi lumisa phambili ukuqaqadeka, ukutwezeka kwezimilo nokuphelelwa zizazela neentloni.

Zonke ezi mpawu zibonisa ukuba uninzi lwabantwana abantsundu luphelelwe tu zizimilo nokuhlonipha.

Oku ubawo osisikrwaluxa kulwimi nakwinkcubeko yesintu, ubawo uLoyiso Mawawa Nqevu, ukhe wakuchaza kwaye wakwayamanisa nokwenzelwa kwabantu amasiko ngekhwange.

Lo bawo kwenye yeenkqubo zoMhlobo Wenene FM, ndimkhumbula esithi ikhwange yinkomo eneenkani, yinkomo esileyo nengeva kunqandwa, kangangokuba lowo uthe wenzelwa isiko ngayo, uphela engeva ephila, ade angeva, asokolise naxa sele elele ukuthula.

Kule mpelaveki, isizwe soMzantsi Afrika sizingca ngenkululeko yomntu ontsundu kumakhamandela engcinezelo yocalucalulo, nkululeko leyo ivotelwe ngomhla wama27 kule nyanga kaTshazimpuzi kula mnyaka ka1994.

Nangona sikhululekile, nangona imikhala yolawulo lweli lizwe isezandleni zethu, iintshukumo nezimo zethu zibonakalisa ukuba sisakhonkxiwe kwaye kukhangeleka ngathi asikazi kukhululeka ezingqondweni nasezintliziyweni.

Ingxaki mawethu ayiphelelanga kweli hlazo libonwe sithi naziintsana zethu kuloo mdlalo ubuseMoses Mabhida emva kokuthwaxwa kweqela leKaizer Chiefs yiFree State Stars, koko yendele kwaye inabile nakwiindawo esihlala kuzo kumzi ontsundu.

Nangoku sithi sikhululekile, xa sikhalazela iinkonzo kooceba nakumagosa karhulumente, into yokuqala esiyenzayo kukonakalisa impahla, kukutshisa izithuthi nemizi yabantu, kukudiliza izakhiwo ezinceda kwathina, nokuhlaselana kwasedwa ngokungathi utshaba sithi, kanti olona tshaba yile nkululekondini ithwele indlala okanye ingazi naqoqosho kuthi.

Nokuba ke le nkululeko siyinikiweyo isengusonkululeko, ukonakalisa izinto nokuthathela umthetho ezandleni zethu, akwamkelekanga kuba kubonakalisa ubundlavini kuthi, ngokungathi singabantu aba benzelwe amasiko ngamakhwange.

Xa sisilwa namagosa karhulumente, xa sisilwa nooceba ngokusilela kweenkonzo, naxa sisilwa nokungaphumeleli kweqela lezemidlalo esilithandayo, yintoni le ithi makutshiswe izakhiwo, yintoni le ithi makonakaliswe izinto, iyintoni le ithi makubethwane konzakaliswane?

Ndithi ndakucinga indlela inenekazi elingunogada kuloo mabala eMoses Mabhida elibethwe, laxushwa, lakhatywa laze lantlithwa ngayo ngababukeli abebe nomsindo yokungaphumeleli kweqela labo, ndingcangcazele kungongoze novalo.

Ma-Afrika, nakhe nayibona phi into yokuxushwa ngolwa hlobo komntu obhinqileyo? Ma-Afrika, madodandini asileyo, akrwada, aziindlavini eziqaqadekileyo, yhini ukungamoyikiseli umntu obhinqileyo ngolwa hlobo, nide nimkhabe esiswini, entanyeni nasebusweni ade aphelelwe ngumoya kangangokuba afe isiqaqa?

Phofu asothukanga nto, kuba kakade nakwiindawo esihlala kuzo abantu basetyhini baphila ubomi bentshontsho kukundlandlathekiswa nini madodandini enzelwe amasiko ngamakhwange!

Ayikho indoda ekhululeke engqondweni nasentliziyweni enokubetha yonzakalise amanina.

Ayikho indoda eyalwe ngemigaqo yobudoda enokuxhaphaza amanina nezakhiwo ezangakwaziyo ukuzithethela, ngaphandle kokuba loo ndoda iyalwe kubhudla umoya, kungenjalo kuthi kanti isetyenzwe ngekhwange.

Nanjengomzali oloyikayo isikizi, nanjengamalume natatomncinci ongalithandiyo ihlazo, abantwana bosapho sele iyiminyaka ndicelile ukuba bangazibukeliswa iindaba kumabonakude.

Oku ndikwenze ngenxa yokubona ubundlobongela nodushe oluhlala luvezwa ezindabeni kumabonakude. Endikwenzayo kukubanika izishwankathelo zezi ndaba ukuze bangashiyeki ngasemva kwizinto eziqhubekayo kwizwe labo.

Ebendikukhuthaza kukubukelwa kweenkqubo zemfundo kwanemiboniso enemfundiso, kuquka nemidlalo kuba ndisithi kwezo nkqubo, ubundlobongela nobundladiya abukho.

Kuthe kanti ndiyazixokisa kwaye umhlola ndiwuphosile. Isikizi elenzeke eMoses Mabhida, lisenzeka kwibala elithiywe ngomntu ondilisekileyo, lindibonisile ukuba naxa iintsana zezwe lakowethu zibukele imidlalo, kumele thina bantu bakhulu basakhathalayo sibekho ukuze siqiniseke ukuba bayasinda kula masikizi.

Kuni madoda enzelwe amasiko ngamakhwange, nihlazekile, ningamagwala axhaphaza amanina nezakhiwo nempahla kuba zingakwazi kuzilwela.

Xa niqhankqalazela amalungelo enu, yintoni le ibethisayo, ilwisayo, nethi makutshiswe konakaliswe?

Khanibuyise unyawo kubundlobongela ukuze kwakheke isizwe sakowenu!