Benziswa unomasele bekhulelwe abafundi

“LO tata uthi abafundi abangamantombazana mabenze unomasele besexesheni okanye bekhulelwe, ngenxa yokuba sifika emva kwexesha esikolweni kuba singenazo iimoto zokusithutha.”

Oku kudizwe ngabafundi besikolo samabanga aphakamileyo i-Uviwe eScenery Park eMonti izolo ngethuba bevale isango elingena kwesi sikolo begxotha inqununu yabo uGeorge Mhlekude.

Abafundi bathi abasokuze bajike kwelokuba abayifuni le nqununu kuba besithi iyasilela ukwenza umsebenzi wayo.

Othethe egameni labafundi uBandile Mcimeli uthi imeko imbi kwesi sikolo kungoko bethathe isigqibo sokuba ihambe le ndoda.

“Ngoku ebengekho lo tata kwibanga leshumi besifumana iziphumo ezihle kakhulu, phambi kokuba afike ngo2012 sasifumene amashumi alithoba anesibini eepesenti ekhulwini, ngo2013 sihle saya kuma kumashumi asibhozo, kulo wakhe unyaka ka2015 sifike kumashumi amathandathu anesibini eepesenti, asimfuni,” utshilo uMcimeli.

Abafundi bathi esi sikolo safakelwa iziko leKhompyutha ngonyaka ka2008, kodwa alizange lisebenze ukusukela oko lafakwayo.