‘Besifuna ukumanyelwa nathi njengabafundi’

IQELA labafundi bezikolo zaseQonce livele lahlala kumasango eeofisi zeSebe lezeMfundo eMpuma Koloni kwiveki ephelileyo, lisithi alinyakazi kula masango aseMandla Makupula Education Leadership Institute eStirling eMonti, de kube kanti bayahoywa ngabasemagunyeni.

Bekhokelwa ngukhala kwezemfundo, iEqual Education, aba bafundi bathi izikolo zabo azinazindlu zangasese ezisemgangathweni, kunqongophele iincwadi zokufunda kwanootitshala, logama abanye besithi akukho zixhobo zakuxhasa inkqubela kwezemfundo.

Inkokheli yoluntu kwaEqual Education, uOna Matshaya, uthi bazamile ukudibana namagosa ezemfundo, ngaphandle kwempumelelo.

Abafundi behleli benganyakazi kumasango esebe lezemfundo eStirling eMonti UMFANEKISO: UTHUNYELWE

“Besifuna uMphathiswa wePhondo (Fundile Gade) asamfumana. Sithe songamfumani saqonda ukuba masiye kwindawo apho aza kuya kuyo uNkulubaphathiswa (Oscar Mabuyane). Abafundi baseMpuma Koloni kudala bekhalaza ngezikolo zabo ezingekho semgangathweni.

“Kukho izikolo ezingenazindlu zangasese ezisemgangathweni, kukho izikolo ezingekazifumani izixhobo zokukhusela intsholongwane yekhorona (PPEs), kukho ezixineneyo apho kunzima ukugcina umgama phakathi komnye nomnye umfundi.

“Ezinye izikolo zinqongotshelelwe ngootitshala kuba isebe alizivali izikhewu xa kuhambe ootitshala. Abafundi bayakhalaza bathi abekho ootitshala bobahlohla,” utshilo uMatshaya.

Ngelokubonakalisa ingqumbo yabo, abafundi bavele bahlala emasangweni eeofisi zephondo eStirling besithi abahambi de kube kanti uthetha nabo uMabuyane.

“Into ebangela le nto kukuba kudala sisenza amadinga eendibano nabasemagunyeni, zingenzeki ezo ndibano. Abafundi bathi badikiwe yile nto. INkulubaphathiswa ide yaluthatha uxwebhu lwethu lwezikhalazo, silindele iziphumo zendibano ehlelelwe le veki,” kutsho uMatshaya.

Umfundi kaGrade 11 eKuyasa High eDimbaza eQonce, uAluthando Nocanda, uthe: “Besifuna ukumanyelwa nathi njengabafundi, kuba izikolo azifani nezinye izikolo. Umzekelo, kwesethu isikolo kunqongophele ootitshala, kunqongophele iincwadi zokufunda (textbooks). Izindlu zangasese zethu azikho semgangathweni.”

“Kwezethu izindlu zangasese, singadlwengulwa nanini kuba amacango akekho semgangathweni. Abafundi abenza izifundo zenzululwazi abanamagumbi (labhorathri) okubona ngelihlo lenyama le nto bayifundayo. Ukuze sibone le nto siyifundayo kufuneka siye kwezinye izikolo.

“Ngamanye amaxesha uye ufumanise ukuba sibolekisana ngencwadi yokufunda sibahlanu, into ethetha ukuba xa inokulahleka asizukwazi ukufunda sibahlanu,” kutsho uNocanda.

UMabuyane uthe kuza kuthunyelwa amagosa aye kwezi zikolo kukhalazwa ngazo ngabafundi, ze kwenziwe ingxelo. Mayelana nombandela wezikolo ezingekho semgangathweni, uGade bekulindeleke ukuba abambe indibano noSekela Mphathiswa kwiMfundo esiSiseko izolo (Lwesithathu).