Bezigcwele zonke iindawo eziphuma imali eGcuwa kwangonyezi namhlanje

Kugcwele ezibhankini zaseGcuwa. Umfanekiso: Pedro Mapelo

Zigcwele zonke
iindawo abafumana kuzo imali abantu abadala eGcuwa. I’solezwe lesiXhosa
lijikeleze edolophini ekuseni namhlanje, ngentsimbi yesixhenxe – phantse zonke
iibhanki ezifana nooFNB, uAbsa, uStandard, uCapitec, iPosi noNet1 bezinabantu
abaninzi kakhulu abafolileyo ngaphandle. Njengokuba ilizwe likwisimo
esingaqhelekanga ngenxa yekhorona eyosulela ngesantya esiphezulu, urhulumente ugqibe
kwelokuba abantu abadala nabaphila nenkubazeko bayifumane namhlanje imali yabo
yenkam-nkam ukuze bakwazi ukuzithengela ukutya. Ekuqaleni kweveki ephelileyo,
uMongameli woMzantsi Afrika, uCyril Ramaphosa, wathi makumiswe yonke into ukuze
kuzanywe ukunqandwa ukunwenwa kwentsholongwane ekuthiwa yikhorona (COVID-19).

 Image may contain: sky and outdoor

Ngomhla
wamashumi amabini anesithandathu kule nyanga kuqalwe inkqubo enyanzela abantu
bahlale ezindlini zabo, amashishimi avalwe ngaphandle kwalawo athengisa izinto
ezibalulekileyo njengokutya namayeza. Ukuhamba kweemoto kunqunyanyisiwe
ngaphandle kwezithile zikawonke-wonke. Iikhombi neeven bezingena zigcwele
edolophini yaseGcuwa. Xa ubani ejonga inani labantu ebelisedolophini ekuseni
namhlanje, akubonakali ngathi uthotyelwe umthetho othi izithuthi
zikawonke-wonke mazilayishe inani elingaphantsi kweliya lesiqhelo. Kanti kuzo
zonke iindawo, abantu bebefole ngendlela yabo yesiqhelo. Bekungekho mntu
obakhumbuzayo ngomgama phakathi kwabo xa bemile.

 

Njengokuba
bekuthiwe izithuthi mazise abantu ezidolophini ukusukela ngentsimbi yesihlanu
ukuya ngentsimbi yethoba nasemva kwemini ngeyesine ukuya kweyesibhozo,
uMphathiswa wezothutho, uFikile Mbalula, wandise ixesha lokuthathwa kwabantu
abadala izolo ukusukela ngentsimbi yesihlanu ukuya ngentsimbi yesibhozo
ebusuku. Inani labantu abosulelwe yikhorona eMzantsi Afrika liwaka elinamakhulu
amabini namashumi asibhozo (1280). Balishumi elinambini abanechaphaza layo apha
eMpuma Koloni. Kwelo nani, sekusweleke abantu ababini elizweni lonke (2)
eMzantsi Afrika. Abantu abosulelwe yikhorona kwihlabathi lonke bangaphaya
kwamakhulu amathandathu amawaka (600 000), kanti ababhubhileyo kwihlabathi
bangaphaya kwamashumi amathathu amawaka (30 000).

Image may contain: sky and outdoor