‘Bhayibhayi Lindiwe’

joseph tshabalala

Emva kweminyaka engaphezu kwamashumi amathathu uJoseph Tshabalala (78) esonwabisa abantu beli ngengoma, kufikile ukufa kwamthatha uMshengu.

UTshabalala ubhubhe emva kokuba ethe wathatha umhlalaphantsi kwiqela lakhe lomculo weSicathamiya iLadysmith Black Mambazo awalisungula ngonyaka ka1964.

UTshabalala uhlutshwe yimpilo nje emva kokuba eqalise ukuhlala phantsi ebeka umboko, evala lo mlomo wawusonwabisa isininzi ixesha elide.

Olu hlobo lomculo weSicathamiya lunemvelaphi yalo ecacileyo kweli loMzantsi Afrika kuphela, kwaye uTshabalala ungunozala weSicathamiya.

UTshabalala uphumelele iimbasa eziliqela eziquka iGrammy kweli nakumazwe angaphandle koMzantsi Afrika.

Ngonyaka ka1993 iLadysmith Black Mambazo ikhokelwe nguTshabalala yayikhaphe uNelson Mandela esiya eOslo, eNorway esiya kwamkela imbasa yeNobel.

ILadysmith Black Mambazo yabelana ngeqonga neemvumi ezifana noSalif Kaita, Dolly Parton, Paul Simon, Michael Jackson noHugh Masekela.

“Ndikhumbula ukuphumelela kwethu iGrammy Award okokuqala ngo1987, sasingayazi nokuba yintoni kwayona, xa sifika kwisikhululo seenqwelomoya eRawutini, safika abantu begcwele beze kusamkela, besithi kuthwa siphumelele iGrammy, sabe thina singayazi kwalo nto,” wathetha watsho uTshabalala.

Umculo weqela lakhe ukhuthaza izigidi zabantu beli ngexesha lengcinezelo nanjengoko ubuthetha ngothando, uxolo ukwashumayela uThixo eluntwini.

“Amandla okujongana neenzingo zobomi imihla ngemihla sihlala siwafumana emculweni, kungoko sihlala sicula sizonwabisa logama sisonwabisa uluntu,” kutsho uTshabalala.

Uzele oonyana abathi basungula iqela elibizwa ngokuba yiTshabalala Rhythm nesele izibonakalisile ngokuvelisa amacwecwe aliqela.

Oonyana bakhe, uSibongiseni Tshabalala noThamsanqa Tshabalala bekunye noMaqhinga Radebe ngabo abasungula eli qela likaMaskandi.

UXolani Majozi onguMphathi weQela leLadysmith Black Mambazo uthi zindaba ezibuhlungu ezi kweli qela lakudala.

“Singakuqinisekisa ukuba ewe, ubawo uTshabalala utshonile, oku kwenzeka logama iqela leLadysmith Black Mambazo likutyelelo eUnited States of America,” kutsho uMajozi.

Lo kaTshabalala walibona ilanga ngonyaka ka1941, wazimanya ngeqhina lomtshato noThokozile Tshabalala inkosikazi yakhe abhubhe ihleli ecaleni kwakhe.

IDurban University of Technology yenye kwezo zikhe zamvava ngesidanga sobuGqirha uTshabalala ngenxa yenxaxheba yakhe emculweni.

Ingoma yakhe ethi Bhayibhayi Lindiwe yenye yeengoma emenzele igama ingakumbi kwabo bazizithandani.

Mshengu, Tshabalala, Nduli kaMavuso “Bhayi bhayi Lindiwe!”