Bheki Cele: ‘Asijongi buso bezopolitiko’

UMphathiswa wamaPolisa uBheki Cele negqiza lakhe batyelele iintsapho ezibhujelwe kwindawo yexhwayelo KwaZakhele, eGqeberha ngoMvulo wamashumi amathathu (30) kweyoMqungu. UMFANEKISO: SAPS

UMphathiswa wamaPolisa uNjengele Bheki Cele ekunye noMkomishinala weNkonzo yesiPolisa kuzwelonke (SAPS), uNjengele Fannie Masemola, bakhokele igqiza leengcaphephe ezohlukeneyo zalo mbutho ukuya kwindawo bekudutyulwe kwabhubhela abantu kuyo eGqeberha.

NgeCawe yomhla wamashumi amabini anesithoba (29) kweyoMqungu umbhiyozo wobomi ujike waba yilahleko yobomi KwaZakhele, eGqeberha, kubulawa abantu abasibhozo kumsitho womhla wokuzalwa ngabarhanelwa ababini.

UMphathiswa uCele ubongoze abantu ukuba bangabatyhali bajonge ipolitiki ngalo mba.

“Asijongi buso bezopolitiko; sijonge ubuso bobugebenga. Asikhathali ukuba ungubani na, asikhathali nokuba uyintoni na kwaye ungasityhaleli kuloo ndlela. Ngamanye amaxesha abantu bayakutyhala ukuba uye kwela cala ukuze uphambuke kwaye bakususe kwicala elililo,” utshilo uMphathiswa wamaPolisa ethetha namajelo eendaba.

Uqhube wathi uyabona ukuba aba bantu bebeze apha bebefuna abantu ababhubhileyo.

“Lo nto ikuxelela ukuba abo baphulimthetho banengxaki, kodwa nabo banetyala lokuphendula kwaye iphezu kwethu. Sidlulisa amazwi ovelwano.”

Okwangoku, uphando lwangaphambili ludize ukuba umninimzi ebebhiyozela usuku lwakhe lokuzalwa phakathi komkhono emva kwentsimbi yesihlanu (5:15pm) ukuya kwicala emva kwentsimbi yesihlanu (5:30pm) emva kwemini ngethuba kungena abadubuli ababini abangaziwayo eyadini kwisitalato iMaqanda, KwaZakhele, badubula iindwendwe.

Abantu abasixhenxe (abafazi abathathu kunye namadoda amane) babulewe, ngelixa abanye abantu abane (amabhinqa amabini kunye namadoda amabini) besiwe esibhedlele ukuze bafumane unyango. Omnye wamaxhoba ubhubhele esibhedlele, nto leyo yenza ukuba inani labantu ababhubhileyo lifikelele kwisibhozo. Umnini wendlu uphakathi kwabafi.

Amaxhoba ngumnini wendlu uVusumzi Sishuba (51), Andile Sishuba (52), Kholekile France (54), Mbuyiseli Mboya (64), Nomatamsanqa Mandla (58), Liyema Poro (20) noNandipha Koliti (42). Owesibhozo bengekabhengezwa.

Ababini kwabonzakeleyo, indoda nebhinqa, basalaliswe esibhedlele, logama owesithathu oyindoda ephume ngoMvulo wale veki.

Ngelixa kuqhutywa uphando malunga neemeko ezingqonge olu hlaselo, amapolisa aqalise ukukhangela abarhanelwa. Akukabanjwa mntu.

Udade wababini kwababhubhileyo uthethe namajelo eendaba ngelahleko yakhe. UChinense Tys unabantakwabo ababini ababuleweyo, omnye wabo ongumnikazi wendlu.

“Silusapho inkcazelo esinayo iyathandabuzeka. Sithathe isigqibo esihlangeneyo esithi asazi nto. Ekuphela kwento esiyaziyo kukuba oobhuti bethu ababini (uAndile noVusumzi) nabahlobo babo badutyulwe bafela apha,” utshilo uTys.

Uqukumbele ngelithi, “Njengolu sapho sifuna ukudlulisa amazwi ovelwano kwezo ntsapho ziphulukene nezihlobo zazo, asazi, kudutyulwe, yiyo kuphela into esiyaziyo.”

Umkomishinala wephondo leMpuma Koloni uLieutenant General Nomthetheleli Mene usigxekile esi sehlo. ULieutenant General Mene uchaze ukubulawa kwabantu njengobugwala kunye nokungabukhathaleli ngokuphandle ubomi bomntu, kwaye uyalele iqela labaphandi ukuba balandele umkhondo kwaye babambe abenzi bobubi ngokukhawuleza.

Ukwabongoze uluntu ukuba luze ngaphambili nalo naluphi na ulwazi kwaye lungabagcini abaphulimthetho. “La maxhoba abulewe ngootsotsi, kwaye asizukuphumla de sifumanise ukuba kwenzeke ntoni nokuba ngubani oyena nobangela wolu hlaselo lungenalusini kula maxhoba,” utshilo uMene.

Nabani na onolwazi malunga nabarhanelwa okanye onokunceda ekuchongeni amaxhoba okanye afumane isizalwane sabo uyacelwa ukuba aqhagamshelane neOCI yePhondo, uMcuphi uKapteni Sitole, ku082 457 2812 okanye iCrime Stop ku086 00 10111.