Bheki Cele: Siza kubangqwabalala kwiintswelaboya

UMphathiswa wamaPolisa uBheki Cele UMFANEKISO: Oupa Mokoena
“Akukho bantu banokuphila kwindawo edume njengekomkhulu 
 lokubulala eMzantsi Afrika. Siza kuyiphelisa loo nto. Asinakuvumela abantu babulawe okweempukane. Siza kuluthabathela kuthi ulawulo lwezitalato. Siza kubangqwabalala kwiintswelaboya.”

Lawo ibingamazwi woMphathiswa wamaPolisa uBheki Cele ngelixa ebetyelele ePhilippi apho kubulewe kalusizi abantwana abane nomfana ngoLwesibini ebusuku.

 USinethemba Gwatiso, 30, Sazi Velebhayi, 20, uYonela Sxiki noKamvalethu Thutani, abaneminyaka eyi13 bobabini, badutyulwe basweleka ngoLwesibini ebusuku. USiyabonga Gwatiso usesibhedlele saseGroote Schuur, apho afumana khona unyango. 

Olu hlaselo lwenzeke kwisitalato saseNonziba.

Abaziboneleyo ngamehlo bathi kuvele abantu abebeqhuba iAvanza emhlophe sele bethulula irhuluwa. Bathi bave izithonga ezingama24 zijoliswe kwiAvanza kaSinethemba Gwatiso ebimise esitalaweni.

UCele uthembisile ukuba sele beza kubanjwa ababulali. “Sinawo umkhondo oza kukhokelela ekubanjweni kwabenzi bobubi. Sesiwufumene umkhondo wale moto imhlophe.”

“Ngumntu onjani odubula umntwana oneminyaka eyi12 izithonga ezihlanu. Babandakanyeka njani abantwana. Kunzima ukuyiginya le nto. Kukho omnye umntwana osangcangcazelayo emva kokuba ebone lo mbono woyikisayo,” utshilo. 

Amapolisa athi akukabanjwa mntu malunga nesi siganeko. UCele unikezele ngeenombolo zakhe nezikamkhomishinala wamapolisa uKhombinkosi Jula noMphathi sikhululo saseNyanga uVuyisile Ncata. 

UCele ufumaneka ku079 302 0100 yena uNcata ku082 850 9631.