Bhotani eKapa

Sinivile! Noko lide eli thuba nisicela ukuba siniphathele eli phephandaba nalapha eKapa.

Kwa ngokuya besise liphephandaba eliphuma yonke imihla besinawo umnqweno wokulizisa eKapa.

Emva kweengxoxo ezinde side saphumelela. Kule veki iphepha lizakufumaneka naseKapa.

Uninzi lweendaba zisagxila kwimicimbi eqhubeka eMpuma Koloni kodwa ekuhambeni kwexesha lizakwanda nenani leendaba zaseNtshona Koloni. Kwicala lezimvo abahlali baseKapa baya kuvuyiswa zizimvo zooTshongolo, Mbete, Mavela nooManono.

Eli phepha lisaqhuba kakuhle kakhulu eMpuma Koloni, kwaye liyakhula. Sizakuqala ngamawaka ambalwa apho eNtshona Koloni, qho ngooLwesihlanu. Sigqibe kwelokuba sivale le nyanga yamagugu namafa ngokwandisa isiXhosa.

Ayingomsebenzi wethu sodwa ke lo. Wonke umXhosa sizakumcela ukuba athathe inxaxheba. Nangona ii-ofisi zethu ziseMonti sinazo iintatheli jikelele kweli loMzantsi Afrika. Sitsaleleni umnxeba nisibhalele ukuze sisebenzisane ekuqhubeni lo msebenzi mkhulu kangaka. Iinkcukacha zethu zisezantsi kwesisibhalo.

Sibhala nje kukho umgeni wokuvalwa kweeyunivesithi; abafundi bayaqhankqalaza. EMpuma Koloni kusathe nkcwe – noko abafundi abakaqhankqalazi kakhulu – kodwa eKapa, eThekwini naseRhawutini kunyanzeleke ukuba izifundo zime ngxi.

Abantwana bethu bafuna imfundo esimahla. Umbuzo ngowokuba akumelanga ukuba bayicela kurhulumente na le mfundo esimahla?

Iiyunivesithi zona azinokwenza ngakumbi ngoko ke akumelanga ukuba kutshiswa izakhiwo, kuvalwa iindlela ezingena kwizakhiwo, kugrogriswa abangathathi nxaxheba kuqhankqalazo.

Imfundo yona bekumele ukuba iqhubeke, abo balwayo bayisa ngqo kwizakhiwo zikarhulumente le mfazi ukuze bavakale

Siyathemba ukuba kule veki izayo sizakubona inzolo kumaziko emfundo ephakamileyo eli.