Bhungalipheli Gadlelithanga Zodala (1936-2016)

UBhungalipheli Zodala uzalwa nguDlukuthetha noNo-England Zodala, ezalelwa kwilali iTyekelebende eDutywa. UGadlelithanga uzalwa noGuntwana, Mnkankosi, Nomthumana, Sizinzo noNomqungu.

Le ndedeba, yazimanya ngeqhina lomtshato noNogqibile uMaMbhele (ongasekhoyo) balizwa ngabantwana abathathu uMonwabisi, Xolisa noTeresa. Emva kokusweleka kukaNogqibile, uGadlelithanga uye watshata noNompafane.

Ekuxelengeni, Gadlelithanga uqale emigodini, waphuma apho wayokusebenza kwihotele eseWelkom emva koko waya kusebenza kumzi wolondolozo lwezilwanyane uSPCA (Society for the Prevention of Cruelty to Animals) eWelkom nekulapho uthando lwakhe lwezilwanyane luye lwaqaqamba nangakumbi.

UGadlelithanga, obesaziwa njengoMthayimeli eTyekelebende, uyidlalile indima yakhe ekuquka kuyo ukuzibandakanya kwezolimo apho singabalula uthotho lweentsimi zakhe eMkhwaneni, ukufuya kwakunye nophuhliso loqoqosho lwasekuhlaleni. Nanamhla oku umzi wakhe eTyekelebende usabizwa ngokuba kuseKhefi, umzila owashiywa yivenkile yakhe ngoo1980 ukuza ekuqaleni koo1990, venkile leyo wayeyiqhuba noNogqibile.

Esweleka nje, ebesengumfuyi weehagu zodidi oluphezulu, iinkuku kwakunye nezinja zohlobo lwePitbull.

Ngomso iyangcwatywa le ndedeba. Phumla ngoxolo Mnqabe, Bhedla kaMpulane.