Bobani: Babhibhidla amazinyo torhwana

Usodolophu waseNelson Mandela Bay uMongameli Bobani

USODOLOPHU waseNelson Mandela Bay uMongameli Bobani utyhole iDA ngokuswela inyaniso, esithi ilinge layo lokumkhupha esikhundleni linyathelo nje eliphehlwa bubuhlanga “kuba abelungu abafuni kukhokelwa ngumntu omnyama”.

Namhlanje eBhayi kuhlelelwe ukuxoxwa kombandela wokususwa kukaBobani njengoSodolophu, kulandela isiphakamiso seDA.

Amaqela ezopolitiko axhasa iDA kweli nyathelo yiCope, Patriotic Alliance neACDP.

Iqela leEFF neUnited Front sele evakalisile ukuba akakuxhasi ukukhutshwa kukaBobani. Noxa nje kungacaci ukuba iANC iya kuvota njani, iinkokheli zayo ephondweni, ngokomlomo weNkulumbuso uOscar Mabuyane, okwangusihlalo weANC, sele zikuvakalisile ukuba zifuna uzinzo kulo masipala.

UBobani uxelele I’solezwe lesiXhosa izolo (ngoLwesithathu) esithi: “IDemocratic Alliance inabantu abangenanyani kakhulu, abathanda ukuthetha izinto ezingokhoyo. La mlungu (Athol Trollip) uthi esalatha ngomnwe ibe iminwe emine ikhombe kuye.”

“Bona (DA) torhwana, babhibhidla nje amazinyo kuba befuna ukubuyela elulawulweni. Ngethuba bephethe abazange (DA) benze nto eyodlula le siyenzele abantu abamnyama eNelson Mandela Bay. Abelungu banengxaki, xa bephethwe ngumntu omnyama,” kutsho uBobani.

Lo kaBobani uthi mninzi umsebenzi asele ewenzile ukusukela oko engene elulawulweni kweyeThupha nyakenye.

“Thina siyayazi ukuba silusebenzele uluntu lwaseNelson Mandela Bay, sifakele umbane ematyotyombeni, safakela amanzi ematyotyombeni – le nto ingakhange iyenze iDA. Sifakele neekhamera kwiilokishi zethu, safakela iWi-Fi ze saphinda sabuyisa isidima ngokufakela izindlu zangasese.”

Kodwa uTrollip uthi iDA asoze iphumle de abe kanti uphumile elulawulweni njengoSodolophu uBobani.

“Le ndoda ilawula umasipala njengesiqu, lifikile ixesha lokuba siyiphelise lo nto. Umasipala umdaka kuba inkunkuma ayicholwa njengesiqhelo. Phantsi kukaBobani sele kufakwe oomanejala bakamasipala ababambeleyo (city managers) abasibhozo. Sakuphumla xa sele ekhutshiwe njengoSodolophu uBobani,” utshilo uTrollip.