Bondlala iingxaki zasesikolweni abafundi

BEZIBUTHELENE eICC eMonti iinkokeli zabafundi bemfundo esisiseko kumsitho obusingathwe lisebe lezemfundo leMpuma Koloni.

Eli sebe likwiphulo lokusombulula iingxaki zemfundo kweli phondo, kwaye liququzelele lo msitho ngelokwenza ukuba abafundi babeyinxalenye yesisombululo.

Ziyi560 iinkokeli zabafundi ebeziphuma kwiingingqi zemfundo kweli phondo.

Imiceli mngeni ebixovulwa iquka inani labafundi amitha ezikolweni, abafundi abalahla phakathi, ngakumbi abangamantombazana, iingxaki zentsholongwane kagawulayo, kwakunye nesifo sephepha, ukwanda kweziyobisi notyala ezikolweni, neengxaki zasekuhlaleni, nemiceli mngeni ebangwa ngootitshala.

Obethethela abafundi kudliwanondlebe noonondaba uLutho Mtukwana nophuma kummandla waseMthatha uthe, “Singabafundi sifuna ukumanyelwa, ngootitshala, abazali, isebe lemfundo, naye wonke ubani oneendlebe.”

Uqhube wathi, “Sifuna urhulumente akhe izikolo, aqinise ukhuseleko ezikolweni, aphucule imeko yezothutho, aqeshe oonontlalontle abazakubona ngokukhawuleza iimeko zabafundi, kuvele uncedo, kuba abanye baphuma kumakhaya aneengxaki.”

Ukwathe, “Sifuna noncedo ngezakhono esinokuthi sizilandele, kwakunye nemiboniso ngezinye izinto esinothi sisenze.”

Lo msitho ubuzinyaswe nalitshantliziyo lezemfundo uSeth Mazibuko ongomnye wabaququzeleli besiganeko sikaJuni 16 sango 1976.

UMazibuko uxelele abafundi ngelithi, “Ndabanjwa ndavalelwa ndineshumi elinesihlanu leminyaka ubudala, ngenxa yesiganeko sikaJuni16. Ibanga leshumi ndalenza ndisentolongweni, ndaphumelela nesidanga ndisentolongweni.”

Uthe inkululeko ize nemiceli mngeni eyenze ukuba ilizwe lileqe ezinye izinto, lingabanaki abafundi.

“Abantwana bethu sibashiye ngasemva kuba sileqa izinto ezize nenkululeko, ezinje ngeeBEE, nokuba ngamalungu ePalamente. Kungoku nje balahlekiswa ngamadoda athi aziiBlessers kuba asikho ezimpilweni zabo.”

Isebe lezemfundo lithi yi243 yabafundi abangamantombzana abathe bamitha ezikolweni nyakenye.

Likwathe bayi833 abafundi abathe basweleka. Noxa uninzi lwabo lubhubhe ngenxa yengulo nakwiingozi zendlela amashumi amahlanu azibulele, ngelixa amashumi amahlanu anesibini esweleke kudushe ezikolweni.

Intloko elibambela kwisebe lezemfundo kweliphondo nejongene nejongene nentlalontle yabafundi uThembani Mtyhida uthe ziingxaki zasekuhlaleni, ezifana nendlala, nokungabikho kwabazali ezikhokelela kukwanda kwenani labafundi abamithiyo.

Ubalule iinkqubo zelisebe zokufundisa abafundi iindlela zokuziphatha. UNtsumpa olibambela kwakwelisebe uSizakele Netshilaphala uthe bayagxothwa ootitshala abobelana ngesondo nabafundi.

OkaMtukwana othe nabo bengabafundi bayazilwa ezingxaki. “Nathi siyazama ukukhuthaza oogxa bethu ukuba bangabi nabudlelwane obusecaleni nootitshala, bakhona abafundi esithi sibabone ukuba bancwase ootitshala siye sibakhumbuze ngeziphumo zoko,” utshilo uMtukwana.