Iqhalo lamhla mnene lakwaXhosa elithi “amadoda afana ngeentshebe kuphela” lifumene isithetha-ntonye esitsha eXhorha kutshanje.
Utitshalakazi uNeliswa Zilinyana wesikolo esiyintandane iNgangolwande Senior Secondary, nobekhokele idabi labazali norhulumente weli phondo, obefuna ukucutha amanani abafundi kwesi sikolo, uzingombe isifuba ngesikolo sabo esithi: “Izikolo zifana ngeendonga kuphela, azifani ngento eyenzeka ngaphakathi!”
Esi sikolo sizakunikwa amagumbi ethutyana kwakunye nootitshala abongezelelweyo. Oku kulandela emva kokuba abazali benyanzelise urhulumente weli phondo arhoxise isigqibo sokunciphisa amanani abafundi besi sikolo kwintlanganiso ebingoLwesine weveki ephelileyo.
Bebekumawaka amabini anamakhulu asixhenxe abafundi besi sikolo kunyaka ophelileyo, kungoku nje kulindeleke ukuba eli nani lidlule kumawaka amathathu. Ngokwesicwangciso sikarhulumente iNgangolwandle bekufanele ukuba ithathe kuphela abafundi abaphuma kwizikolo ezimelene nayo. Kwintlanganiso ebingoLwesine, ebekulindeleke umphathiswa wemfundo kweli phondo uMandla Makupula abazali bakhwele bezehlela kumagosa ebethunyelwe nguMakupula.
La magosa ebekhokelwe ngusihlalo woosihlalo kwindlu yowiso-mthetho yephondo eBhisho uMzwandile Sokujika, uNomxolisi Mthutshane weenkqubo zephondo ezikhethekileyo, uVuyani Limba okwikomiti yezemfundo, no-Agrippa Dwangu ongumhloli wesithili saseDutywa kwanamanye amagosa. abazali bakhwele bezehlela kula magosa ngelithi bazokuphazamisa imfundo kwesa sikolo. bakwabike ukuba akufundiswa nje kwesa sikolo kulungiswa nezimilo zabafundi.
“Sithi sewubona umntwana esitalatweni simbuze ukuba wayeyekeleni esikolweni, sibe sesitsalela le nqununu umnxeba ngelithi mayimlungise,” utshilo omnye wabazali. bakwatyhole umhloli ojongene nesa sikolo uMzukisi Mhambi ngelithi umonela inqununu yesikolo uWisizwi Billie.
Bathe lo kaMhambi wayefudula eyinqununu kwesa sikolo singenampumelelo esiyizuze emva kokuba kungene uBilie kwisikhundla esasifudula sisesakhe. Ukanti ootitshala besi sikolo benze isicelo ngelithi urhulumente makongeze inani lootitshala.
UZilinyama obevutha amalangatye ngethuba isebe lifuna ukuvalwa kokwamekelwa kwabafundi uthe, isigqibo sesebe sizakunceda ilizwe kubantwana ebebezakuphela beengootsotsi ngenxa yokuba bevalelwe ngaphandle kwamasango esi sikolo.
Ukwathe, “Umnqwno wethu kukubona ezinye iinqununu zisosuleleka kweli chiza enza ngalo uMr Bilie.”
Ulebele ngelithi, urhulumente makakhe izindlu zangasese, kulungiswe nendlela.
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro