Bopha izoli yakho mntase!

Oko namhlanje ndibetha umlozi ngenye ingoma endakhe ndayiva iculwa kwenye yezi dolophana zaseMpuma Koloni.

Le ngoma inamazwi athi: ‘Intsango, intsango liyeza lokukhohlela nesifuba, bayeke bayitshaye intsango liyeza lokukhohlela nesifuba.’

NgoLwesibini kule veki besinqanda amayeyeye xa iNkundla yoMgaqosiseko ithe yahlisa isigwebo sokuba kulungile ukuba ubani azitshayele kwaye abe nayo ade azikhulisele intsango bucala.

Ukuba uyakhumbula esi sigwebo asiqali apha kule nkundla, saqala kwinkundla ephezulu yaseNtshona Koloni kule minyaka yadlulayo sisithi ubani uvumelekile ukuzikhulisela, azigcinele, okanye azitshayele icuba labathwa bucala.

Eyona nto indenza ndibhale esi sibhalo asikuko nokuba ndichasene okanye ndichwayitisiwe zezi ndaba, koko kukubona indlela abantu abasitolike ngayo esi sigwebo nothakazelelo lwabo kwintsingiselo engeyiyo enokubafaka engxakini kungekudala ngokomthetho. Masikhe mhlobo wam sithathe eli thutyana ukuqwalasela iindawana ezithile nezidinga ukuba siziqwalasele kulo mba womthunzi weenkuku.

Okokuqala esi sisigwebo senkundla, asinguye umthetho olawula isizwe. Mandicacise nangakumbi, esi sigwebo senziwe yiNkundla yoMgaqosiseko sinendawo egunyazisa iNdlu yoWisomthetho ukuba inikwa iinyanga ezingamashumi amabini anesine ukuba iphonononge, iguqule umthetho okhoyo owenza ibe bubutyala ukusebenzisa intsango bucala eMzantsi Afrika.

Ithi ke lo nto noxa nje inkundla isithi kulungile ukusebenzisa intsango bucala, kodwa umthetho woMzantsi Afrika usathi akunjalo.

Ukuba ke kunjalo ithi lo nto usenako ukubanjwa ukuba ufunyaniswe unesitiya sentsango kwakho, unentsango kuwe esiqwini, okanye uyisebenzisa.

Nazi ke iindaba ezimnandana kuwe mthandi wecuba labathwa, nokuba ubanjiwe ngenxa yentsango yakho yabucala, kodwa ukutshutshiswa kwakho kuza kukhe kumiswe ngenxa yesi sigwebo senkundla, kuba kaloku ngoku kulindwe iNdlu yoWisomthetho iqulunqe, iphonononge, kwaye ilungise lo mthetho kwimithetho yethu. Mamela ke, yonke le nto isekelezelwe kukusetyenziswa bucala, nokuba ukulinywa kwentsango ngumntu eyenzela isiqu sakhe, hayi abanye okanye intengiso.

Wena unamasimi ayo, kwaye uyithengisayo, kwaye unovimba ekucacayo ukuba ayingowakho wedwa uza kubanjwa, akukho mthetho ukukhuselayo wena sirhalarhume ndini.

Xa ke le nkundla igunyazise ukuba iNdlu yoWisomthetho mayiwutshintshe umthetho olawula intsango eMzantsi Afrika, ithi lo nto uza kuphononongwa uphononongisiswe lo mthetho.

Enye ingcaphephe ithe enye yezinto emazijongwe ngumlinganiselo wentsango leyo esemthethweni ukuba umntu abe nayo, kwaye kujongwe neendidi zayo. Kaloku icuba eli labathwa liziintlobo ngeentlobo ezishiyanayo ngamandla ekuyobiseni ingqondo.

Ithe le ngcaphephe yakwaCentral Drug Authority of South Africa, ukuba intsango eqhelekileyo inamandla alishumi eepesenti ukuyobisa, ukanti kukho iindidi ezifana noo-skunk ekuthiwa zona zide zifike kumashumi amahlanu eepesenti ekuyobiseni ingqondo.

Yonke ke le nto isizobela umfanekiso wokuba usemninzi umsebenzi kwakunye nophando oluza kwenziwa ukuze kube kanti esi sigwebo senziwa umthetho weli lizwe lakowethu.

Ningangxami ke ngokulungisa amasimi kuba nifuna ukushishina ngentsango, ayikho semthethweni lo nto uza kubanjwa.

Eyona nto mna kulo mrhiba wentsango endifuna ijongwe ngokwasemthethweni yeyokusetyenziswa kwayo njengechiza kwizigulo ezininzi.

Mna ke ndakubhiyoza xa kusithiwa kuvumelekile ukuba isetyenziswe njengeyeza kubulwelwe obuthile.

Okwakaloku nje bopha mntase umzabalazo uyasivumela.