Bosasa: Isisila senkukhu…

Sibonwa mhla ligquthayo. Ukuba ungumntu olandela neendaba zikamabonakude siqinisekile sowuvile ngomfo ekuthiwa nguAngelo Agrizzi, sowuvile nangokubanjwa kombuso ngobhongwana yinkampani eyayinguBosasa ngoko.

Yatshintsha igama yaba nguAfrican Global Group. Ingqonyela yayo ngusomashishini waseBhayi onguGavin Watson. AbakwaWatson babedume ngokudlala umbhoxo nabantsundu ngeentsuku zocalucalulo kwaye babesilwela amalungelo oluntu ngoko.

Namhlanje? Babandakanyeka kwizityholo zobuqhophololo obungathethekiyo nalapho bebenyoba amagosa karhulumente ngamawaka eerandi qho ngenyanga. Bambi bebephiwa izipho bethengelwa nokutya.

Uzibuze ukuba abaphathiswa besamkela imali engaka kutheni beza kuphinde bafumane eyongezelekileyo koosomashishini abafana nooWatson? Kukunyoluka?

Kukungakwazi ukulondoloza imali? Phofu naxa ujonga intlalo yaba baphathiswa uye ufumanise ukuba baphila ubomi babantu abazizityebi. Imicagogo yemigrugra kunye namapomakazi kwiindawo zikanokutsho nabantwana abafunda kwezona zikolo zixabisayo.

Uqale ukuqonda ukuba, hayi umrholo weR100 000 ngenyanga awunokonela. Sekuvakele amagama ooNomvula Mokonyane, Linda Mti, Vincent Smith, nabanye.

Kulindeleke ukuba uAgrizzi acule namanye amagama kule veki. Isisila senkukhu sivelile. Bekugquthe nini? Ingxaki yaqala mhla kwagxothwa uAgrizzi lo kule nkampani yakwaBosasa koka2016, etyholwa ngokuba imali yenkampani. Unkabi wazixelela ukuba uza kuziphindezela kumphathi, uWatson, adize zonke izinto ezazisenziwa yile nkampani.

Kukwakho namarhe okuba uAgrizzi lo uyifunela kuye le nkampani kaWatson. Ngoko ke oku kudiza kwakhe amahlebo asiyonto ayenza kuba engumntu onesazela. Uyenza kuba eziphindezela. Iyafuna ke ukulumkelwa intetha yomntu oqhutywa ngumsindo onjalo; singaginyi yonke into ayithethayo njengenyani.

Kuyo yonke le nto yale komishini kaZondo siyathemba ukuba ukhona noko umntu oyakubanjwa okanye ogxothwayo.

Ukuba akwenzeki nto, ingabe ibiyinkcitha nje yexesha nemali yonke le komishini yamabibi!