Boyikisela ubomi babo oonozitendi

BOYIKISELA ubomi babo oonozitendi emva kokudutyulwa kwabulawa umama oneminyaka engama52 obethengisa iinkukhu lihlabe umhlaba, nto leyo iCPF ikholelwa ukuba ibihleliwe.

Ngokwengxelo yeCPF, esi siganeko senzeke emini emaqanda kwisitalato saseSithandathu Avenue ngempelaveki.

Kuthiwa lo mama ebethengisa iinkuku njengesiqhelo kwaze kwafika indoda yamdubula emva koko yabaleka nemali, utshilo usihlalo weNyanga CPF uMartin Makhasi.

UNolitha Soyama othengisa imifuno neziqhamo, uthe akakasivuli isitendi emva kweso siganeko. “Ndiyoyika. Ndisenombono weso sidumbu sakhe sithe tywa ecaleni kwezo nkukhu zakhe. Isentsha kakhulu le nto mhlawumbi ndakuya kule veki izayo. Bendiqala ukubona umntu edutyulwa phambi kwam,” utshilo.

ULulama Toyana uthe ukususela oko kwaxhaphaka isiyobisi esiyi-tik, ubomi bomntu bayeka ukubanexabiso.

“Le nto ibenza babenesibindi abo bayisebenzisayo. Babazizilwanyana. Siyaphela tu isazela kubo. Ungafika ingumntu obefuna ukutshaya lo wenze le nto ihlasimlisa umzimba,” utshilo.

UMakhasi uthe: “Kungokunje boyikisela ubomi babo abanye abathengisa ezitendini. Bacinga ukuba le nto ibihleliwe ngoba bangapha kweshumi abantu abathengisayo kwesi sitalato. Bashiyeke bezibuza ukuba kutheni le nto kuza kudutyulwa yena, kuthathwe imali ze bona bashiywe. Sikholelwa ukuba ibihleliwe le nto.”

Uthe kwadutyulwa omnye umntu kule nyanga iphelileyo kufutshane nalapho adutyulelwe khona lo mama.

Uthe bafuna ukuba zithathelwe ingqalelo ezi ziganeko zokudutyulwa kwabantu eNyanga.

“Bangaphi abantu ekufuneka bebhubhile phambi kokuba zithathelwe ingqalelo ezi ziganeko zokudubula? Ayizombovane ezi zibhubhayo ngabantu,” utshilo.

UMakhasi uthe zisibhozo iziganeko zokudutyulwa kwabantu kwesi sitalato saseSithandathu Avenue ukususela kweyeDwarha kulo nyaka uphelileyo. “Siyazama thina siyiCPF sisebenzisana neNeighbourhood Watch ukuqinisekisa ukuba iNyanga eyaziwa njengekomkhulu lobundlobongela ikhuselekile. Ingxaki akukho namnye kurhulumente othethayo ngezi ziganeko,” utshilo.

Isithethi samapolisa uFC van Wyk uthe kuphandwa unobangela wokudubula.

Onomkhondo uyacelwa ukuba atsalele umnxeba amapolisa aseNyanga kwa021 380 3304/6000 okanye uCrime Stop ku08600 10111, okanye athumele iSMS kuCrime Line kwa32211.