Boyikiswe ngesiqhushumbisi abasebenzi bezempilo

BEBETHE bhazalala ecaleni kolwandle laseMonti abasebenzi besebe lezempilo kwakunye nabeziko lokuzilolonga lakwaVirgin Active emva kwesoyikiso sesiqhushumbisi izolo.

Oku kulandela emva kokuba bethe bayalelwa ngamapolisa ukuba baphume kwisakhiwo seli sebe kwakunye neso salo mzi wokuzilolonga kulandela isoyikiso sokuba kukho isiqhushumbisi esityalwe kwisakhiwo sesebe lezempilo.

Lo myalezo ubuthunyelwe nge-imeyili kumanejala wesebe lezempilo kule ofisi uZandisile Ntlube nothe wawudlulisela kwiziphanda mandla zeli sebe.

Abo bebesiyokuzilolonga banqandwe ngamapolisa ukuba bangabi sangena.

Isithethi sesebe lezempilo ephondweni uSiyanda Manana uthe, “Sithe sisakuwubona lo myalezo sazisa amapolisa, afika ancedisa abasebenzi ukuba baphumele ngaphandle ukuze aqhube uphando.”

ULieutenant Colonel Mtati Tana othethela amapolisa kulo mmandla uthe, “Sibizelwe kwesi sakhiwo phambi kwentsimbi yeshumi ngentsasa yayizolo, sathumela ibutho lamapolisa elijongene neziqhushumbisi kwakunye neleK9. Sincedise abasebenzi ukuba baphume kakuhle, kuba kulula ukuba abantu bothuke balimale xa besiva ukuba kukho into efana nale.”

Amapolisa aqhube uphando oluthathe iiyure kodwa akafumana nto. UTana uthe, “Okwangoku sisayithatha nje- ngesigrogriso esingenasihlahla, kodwa sisaphanda umntu ebesiphuma kuye.”

UManana uthe, umsebenzi ubuyele kwimeko yesiqhelo emva kweeyure ezintathu abasebenzi behleli ngaphandle ngethuba amapolisa eqhuba uphando.