#BRICS2018: Kuza kukhala ibhungane ezilalini ngo2050

Iindwalutho kumsitho weBRICS obanjelwe eMonti UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

Ngonyaka ka2050 abantu baseMzantsi Afrika abahlala edolophini bazakube bebalelwa kumashumi asibhozo ekhulwini (80%), kwaye uninzi lwabo iza kuba ngabantu abatsha.

Oku kuvele ngoLwesine, usuku lokuqala lomsitho weentsuku ezintathu obanjelwe eICC eMonti. Indibanisela yeBRICS ngamazwe amahlanu enziwa yiBrazil, Russia, India, China noMzantsi Afrika,

Noxa nje ukukhula kwenani labantu abafuna ukuhlala ezidolophini kunika urhulumente ithuba lokuphucula izixeko needolophu ezincinane, lo mbandela unemingeni oza nayo kuba imali yokuqubisana nale ngxaki inqongophele ngokokutsho kukaAndries Nel, uSekela Mphathiswa kwisebe leNtsebenziswano kuRhulumento kwakunye neMicimbi yeeNkokeli zeMveli (COGTA).

ULato Mabaso, ojongene nophuhliso lolutsha kwaCOGTA, uthi abona bantu baninzi kwimfuduko yokusuka ezilalini kusiyiwa edolophini ngabantu abatsha, kuba befuna amathuba engqesho.

Isisombululo kule ngxaki, ngokokutsho kukaOscar Mabuyane, uMphathiswa waseMpuma Koloni kwisebe leziMali, uPhuhliso loQoqosho, ezoKhenketo neMicimbi yezeNdalo – kukuveliswa kwamathuba ezoqoqosho nengqesho kubantu abasezilalini.

Lo msitho weBRICS uzinyaswe ziindwalutho zala mazwe amahlanu eziphuma kwicandelo loomasipala, uphuhliso lwezixeko, ezoqoqosho nezophando.