Bubuchule besandla somthungi!

Abantu behleli nje baxhalele ubuhle. Nombi, kwawakho ke amehlo, uma evenkileni athenge ubuhle. Kanti nomhle uphangelana nababi ngemitsheyiso namafutha nezitshizi eziqholiweyo.

Umntu utshona ematyaleni eempahla zobuhle angaveli nangonwele. Nezinhanha zinamatyala eempahla, ziphangelana namahlwempu. Kambe ke ngamaxesha ayavuma.

Akusekho bantu babi kule mihla kuba ubuhle buyathengwa. Indawana nje endidinayo ngabantu bobuhle kukuthanda ukunconywa. Akukho nto indityhekra ngathi yileyo koonobuhle.

Mna kaloku andincomi mntu ngabuhle, nditsho noMamTolo lo. Ukuba akazi ukuba ubukho bakhe kulo mzi wamaNgcengane bubunzwakazi bakhe, ze afune ukuba ndibe ndimbhedesha ngezincomo ngathi ndiyinkwenkwe ibona iintombi ehlathini, makancame.

Bathi ke abathethayo ukuba akumncomi umfazi uza kuhamba efuna abaza kumncoma. Ke mna ndithi makahambe ebafuna, zininzi kakade iintswelaboya ezingena mthetho ziza kumchola.

Ezam izincomo zobuhle ndizinika abantwana, kuba obabo ubuhle bumsulwa. Kambe ke yindlela yethu yokukhulisa abantwana ukubancoma, sibenze bazithembe kwaye bakhuthale.

Le yokuncoma umntu omdala mandixolelwe ngayo, akukhathaliseki nokuba intle kangakanani na loo nto ayinxibileyo.

Ndimjonga nje ndizixelele ngaphakathi ukuba “intle ke laa nto inxitywe ngulaa mntu.” Inokuba ndinomona bethu? Hleze! Ndityhola indlela endikhule ngayo ke ngale nto yokungakwazi ukuncoma ubuhle.

Ndikhule ngomthetho wokuba akumncomi umfazi nendoda engeyoyakho, uncoma umntwana kuba yena ngowomntu wonke. Nokuba ibhinqa alendanga, lingendanga nje alingomkakho ukuba ulincome, nendoda ngokunjalo.

Angancomana odwa amabhinqa, namadoda ancomane odwa. Ukuncomana kwamadoda ke kona kuphinde kudale imibuzo: “sekutheni na ngoku ndanconywa yeny’ indoda?

Ungake ulinge undenzele imikhuba mna!” Atsho ngomsindokazi umfo. Kwiimeko ezinje akunonganqabi ke ukuncoma ubuhle, njengakum apha ke!

Iyandigqiba ke eyokuba kufuneka ukuba umbulele umntu ngokuncoma. Wakungabuleli kuthiwa ukrwada. Andibabuleli ke mna abandincomayo.

Ndibulela ntoni? Izibongo nezincomo azibulelwa! Ukubulela izincomo nezibongo kukuzigwagwisa, kukuthanda amehlo, itsho itshabhe naloo nto idala ukuba ubulelwe. Wakunconywa wenza ngathi akuva, uyibethise ngoyaba leyo nto.

Izincomo nezibongo ziyinzuzo kwabamameleyo, hayi kobongwayo. Abamameleyo bayakhuthazeka babe nekhwele ukuze nabo bafumane ukunconywa nabo.

Uzuza ntoni ke wena ngokubongwa? Kuba sele uyiloo nto ubongelwa yona okanye kuthiwa uyiyo. Wumbi ke wothi uyakhuthazeka wenze nangakumbi.

Ewe kunjalo, kodwa ke akudingi kubuyisa lizwi lambulelo kuba lowo ukubongayo ukuchaza into osele uyiyo, akukho nto akunika nakongezela yona.

Umntu akundincoma ndiye ndilaqaze, lindikhohle, ndisenziwa kukwazi ukuba imbongi leyo ilindele ukuba ndiyibulele ngeli xa mna ndisazi ukuba andimele kwenjenjalo. Ise iphunxe apha phambi kwam ke ilinde intsikelelo; ndise ndibe neentloni ke, ndisenziswa into engeyiyo.

U-enkosi yintsikelelo kaloku; intsikelelo ke ayiphisi iyasetyenzelwa. Wenzeni ke lo undibongayo? Andinayo nento efane indincomise ke kambe, kuba andihoyanga buhle.

IkwanguMamTolo umntu ofika ezixakekisa ngokundilungisa, esithi ndiyamhlazisa ngendlela endinxiba ngayo.

Ufike endintshinindela ke endilungisa ngathi ndingumntwana, ndibona ukuba akaneli ngaba ndimnike bona. Ndisakunconywa, ngenxa kaMamTolo lo ke, ndisuke ndibuyise ngelithi “bubuchule besandla somthungi.”

Ndibe ndigqibile. Ngamafutshane ndithi makunconywe lo ubeyithunga loo nto intle kunganconywa mna, kuba andinasandla kuyo ingekuko ukuyithenga, nto leyo naye anokuyenza.

Ndinconywa ntoni ke kuloo nto? Ndiyaphoxa na zitshaba? Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.