Ndikhula kusithiwa abafazi bayawadla amadoda abo, noninzi lwabafazi iyinto oluthukana ngayo leyo. Yakubhubha iselula indoda umntu wokuqala ekujongwa kuye xa kukrokrelwa ubuthi ngumkayo. Akukho ukufa kwendoda ekukhe kuthathwe ngokuba kukufa kwesiqhelo, kusoloko kusithiwa ifakwe embizeni ngumfazi wayo. Akukhathaliseki nokuba ife ngengozi na okanye izibulele ngokwayo.
Nam ixesha eli ndihlala ndizibuza ukuba inokuba ngenene kutheni le nto uninzi lwamadoda lusifa kuqala kunabafazi bawo. Uninzi lwethu lukhuliswe ngabafazi; ngumama okanye ngumakhulu. Ootata bayokusebenza emigodini suka bafa besahamba apho, abanye bathi bakubeka phantsi bafika bafa emakhaya. Kuninzi lwezi meko ke bekusithiwa adliwa ngabafazi bawo la madoda; kusithiwa abafazi bafuna ukudla imali yasemgodini ephumayo akufa okanye akubeka phantsi umphangeli.
Kule mihla yempucuko yasentshona enobutyebi obubekelwa ingcwaba, abafazi kuthiwa awabulalela ukuxhamla kwii-inshorensi amadoda. Uninzi lwezifundiswa ezingabahlolokazi kuthiwa ziwadlele ezi mali amadoda azo. Kude kwakho iqhalo elitsha kwaXhosa elithi ‘izifundiswa azendi koko ziphuthuma inkunzi’. Ikrokreleke ke nyhani loo nto, kuba kuthi kungekudala emva kokungcwatywa kwendoda, umbone umfazi ehamba ngenqwelo-mafutha enomntwan’ emhlana. “Awu! Ibingathengwa nje le nqwelo ibilinde ukufa kwale ndoda?” Sibuzane sitsho elalini.
Ndothukile ukufumanisa ukuba nasesilungwini ikhona le nto yokufa kwamadoda ashiye abafazi. Ndithe ngokuba esilungwini akukho bugqwirha – kutsho uninzi lwethu ke, ndafunisela ukuba inokuba ibangwa yintoni ke kubo le nto. Thina sidliwa ngabafazi; bona?
Ekufuniseleni kwam ke. Ndothuke ndaya kuwa ngomhlana kukufumanisa ukuba uphando lobunzulu-lwazi ngale nyewe lubonisa ukuba amadoda la anempilo e-ethe-ethe xa ethelekiswa namabhinqa. Kuthiwa amadoda angenwa msinya zizifo, isimo somzimba wawo senza angabinako ukumelana nezi zifo xa ethelekiswa namabhinqa. Ndaza ndakuva zwindini! Ndihlala ndisithi indoda yomelele ngaphezu komfazi.
Ubungwanyalala bamadoda nokuthamba kwamabhinqa kufanekise nokugotywa koluthi luse lutsha nokugotywa kolo ludala: luyaphuka oludala ngelixa lugoba olutsha. Ukutsho oko ukuthamba kwamabhinqa kokona kulungileyo kule meko. Nantso ke ingenelo yobuntunu-ntunu bamabhinqa nelishwa lobungwanyalala bamadoda!
Okunye okubalulwa njengezizathu zokufa kwamadoda ngaphambi kwabafazi, nendikungqinayo ke nam, kukuba amadoda ngamadela-kufa. Enza izinto ezinobungozi empilweni yawo ngaphezu kokuba esenza amabhinqa. Amadoda akakuhoyanga ukudla ngokusempilweni – athanda inyama kunemicazi yabafazi. Njengokuba ichazwa indlela yokudla ngokusempilweni kule mihla, amadoda ayibetha ngoyaba loo nto. Mna lo, ndiyasokolisa ukuza esidlweni xa ndixakekile. Kuncanywa kudliwe ngabanye, mna ndisithi andinokuyeka loo nto ndiyenzayo ndiye esidlweni; ukudla akubaleki. Kanti ke umntu kumele adle ngexesha elifanelekileyo.
Okunye kukuba uninzi lwamadoda ayatshaya, ayasela. Kambe ke amabhinqa ingathi angxamele ukuyihlutha loo ntshinga, ukuba ibe ngawo iindla-ndywala nezidla-ntsizi. Kuyayiphazamisa impilo-ntle yendoda oku ngaphezu kokuba kusenza kweyamabhinqa.
Amadoda adalwe anomzimba omkhulu; anezoso. Le nto ibuya ibe yingxaki ngokwasempilweni – izifo zentliziyo. Kufuneka azikhathalele ngokugqithileyo ukuze asinde kunaxa kuthelekiswa namabhinqa.
Amadoda akakukhathalelanga ukuya kwagqirha, ayathalalisa ngelixa engaphilanga. Ke mna ndicaphukela isitofu neza zinto zibandayo zakwagqirha, nokube ndingcuthwa ngeentsinjana ndiqhokrwa amadolo ngeza zinto engathi zezokudlala, nokube ndisinekiswa ngathi ndiyimaz’ egusha. Suka!
Ndaza ndakuva zwindini! Kanti kuhleliwe nje bakrakra ngendalo abafazi njengokuba thina sidliwa ziincakuba zamaxhwele athi ayasiqinisa! Goba msenge iibhokhwe zikutye!
Owenu kwisiXhosa, Nxuba
UHugo Broos uzityanda igila ngokudlalisa uVeli Mothwa izolo