‘Bubuvuvu iiSATMA’

“Bubuvuvu iimbasa zeeSATMA! Andinqweneli ukuzingenela kwakho kuba abaququzeleli bazo bathetha enye ze benze enye xa kufuneka besinike imali yethu,” oku kuthethwa liqhulakazi elaziwayo kweli leMpuma Koloni – uNtombifuthi Nomakhisimusi Ncwayiba.

UNcwayiba uthi ngo2013 batyikitya isivumelwano eMonti nabaphathi bezi mbasa zomculo wesiNtu eMzantsi Afrika (SATMA) esasicacisa ukuba baza kufumana imali ethile ngenxa yokuphumelela imbasa. “Emva kokuba ndiphumelele imbasa njengelona qhula liphume izandla kwezi mbasa, saxelelwa ukuba intlawulo yethu izakwenziwa xa kufikwa ezi-ofisini zabo, salinda sancama, kamva basixelela ukuba bahlawula iimvumi zodwa,” uthethe watsho uNcwayiba.

Eli qhulakazi sele likhuphe amacwecwe amahlanu onwabisa uluntu ngolwimi lwesiMpondo kuquka nelo lithi Isikhindi esinomgca oluhlaza, Ityala lamagusha nezinye. “Ndakuhlala ndibonwabisa abantu kuba esi sisiphiwo sam kodwa andifuni nto indidibanisa neembasa zeSATMAs. Elinye lamaxhoba ezi mbasa, imvumi eyaziwayo kumculo kaMaskandi uZwelindaba “Gobolempundulu” Zenzile, uthi wajikeleza wancama engayifumani imali yakhe kwiSATMAs. “Satyikitya isivumelwano eMonti ngo2013 esasiqinisekisa ukuba sizakufumana imali endingenakuyichaza kuwe ngoku, sahamba sancama, sifowuna, sibhala iincwadi, asizange siyifumane imali yethu kwiSATMAs,” uthethe watsho uZenzile.

Le mvumi ikhuphe amacwecwe aphambili kumculo kaMaskandi aquka icwecwe elithi Tambo. “Ndandiphumelele njengeyona mvumi iphambili kulwimi lwesiXhosa ngenxa yeli cwecwe lithi Tambo, ndisaqhubeka ndivelisa ezinye iingoma kuba injongo yam kukonwabisa abantu ngomculo,” uthethe watsho uZenzile. Ezi mbasa zibizwa ngokuba yiSouth African Traditional Music Awards zasungulwa nguDumisani Goba ngonyaka ka2006. Injongo yazo kukunika imbeko iimvumi zomculo wesiNtu, kwaye sele kuhlonitshwe amaqela aziwayo kweli afana neSoul Brothers, Ladysmith Black Mambazo, Babsy Mlangeni nezinye ezininzi zomculo wesiNtu.

Othethe egameni leeSATMA, uJo Kerwane, uthi akukho lula ukwazi izinto eziqhubeke ngonyaka ka2013 nanjengoko bebatsha kulawula leeSATMA, “Siyacela wonke umntu onesikhalo ngentlawulo aze ngaphambili sizokwenza uphando lethu; sikhangele ukuba kwakutheni ukuze bangahlawulwa,” uthethe watsho Kerwane. Ukwathi ukuba kukho ubuqhophololo obaqhubeka ngaphakathi kwi-ofisi yabo okwabangela ukuba iimvumi zingahlawulwa bazakuthatha amanyathelo.

Iimbasa zalo nyaka zeeSATMA zizakuqhutyelwa eMahikeng kwiphondo laseMntla Ntshona ngomhla wamashumi amathathu kule nyanga.

– siyabulela.mqikela@inl.co.za