Bubuyile ubukhosi bamaJingqi eBhofolo

Zizele amaduna namathokazi iinzame zesizwe samaJingqi zokubuyisa isidima sabo ngokuthathela kubo umhlaba obukade uxoxisa kwiilali ezilishumi elinesibini zaseBhofolo.

Oku kusemva kokuba isizwe samaJingqi besihleli sijijisana namaGwali ebebanga ukuba ngawo anebango kubukhosi kuquka nomhlaba wezo lali. Ikomishoni yamabango eenkosi kuquka neofisi yenkulumbuso uPhumulo Masualle kutshanje ikhuphe ingxelo ethi isizwe samaJingqi siso esinegunya elingaxoxisiyo kumhlaba wezi lali kuquka nobukhosi.

UNkosi Siseko Maqoma uthethe nephephandaba Isolozwe ngoloyiso lakhe emva kwedabi elide esilwela umhlaba woyisemkhulu. “Lidabi elineminyaka engaphezu kwamashumi amathathu liqhubeka, sibulela kakhulu kurhulumente wephondo leMpuma Koloni, kuba ubuyile umhlaba nobukhosi bobawomkhulu,” uthethe watsho uMaqoma.

Othethe egameni lesetyana elijongene namabango kwisebe lentsebenziswano kurhulumento nemicimbi yemveli uVuyani Mbenga uthi, basendleleni esinge kweza lali ukuya kuxelela abahlali ngeziphumo zophando olenziwe yikomishoni kagqirha Mndende malunga nalo mcimbi.

“Ngenene sizakuba siphaya ngo- Lwesihlanu kuba emva kokuba kuqukunjelwe uphando thina siye sihambele abahlali sibaxelele ukuba kwenzeke ntoni, kwaye zithini iziphumo,” utsho uMbenga.

Kwinyanga yoMdumba kulo nyaka, abantu besa sizwe bayakuvingca eofisini yenkulumbuso uPhumullo Masualle bememelela ukuba kukhawuleziswe iziphumo zophando.

UNkosi Maqoma uthi ngumhlaba wakhe uquka iBalfour, Seymour, Bhofolo, Dikeni ukuya kuma ngomlambo iTyhume. “Oobawo mkhulu banikwa lo mhlaba nguNgqika ngeenjongo zokuba bangadingi ndawo zokuhlala, ukufuya nokulima.”utshilo uMaqoma. Ikomishoni kagqirha Mndende ifumene amabango obukhosi nomhlaba abesuka kwizizwe ezahlukileyo ngeenjongo zokubuyisa amagunya abo.

Ethetha ngala mabango, uMndende uthi, ebeziindidi ezahlukileyo la mabango. “Amanye ebengomhlaba amanye engobukhosi, siye ke safumanisa ukuba amanye ngamabango akhoyo ngenene, lo gama amanye ebengenamvelaphi,” utshilo uMndende.

UNkosi Maqoma uthi, oku kuthetha ukuba uzakuqala umsebenzi wokubuyisa isidima sobukhosi bakhe. Kuzakumiselwa izibonda uqhubekele phambili umsebenzi.