Ubugoxo benqwelo-ntaka ebiduke ngenjikalanga yangoLwesithathu bufunyenwe kufuphi naseBlue Barn eQumrha.
Oku kuqinisekiswe ngamapolisa aseMpuma Koloni, noxa nje ngethuba sibhala eli nqaku ebesaxakekile ejonga ubume babantu ababini abaduke nale nqwelo-ntaka.
Kwimini yonke yangoLwesine, amagosa eenkonzo zikaxakeka ebekhangela inqwelo-ntaka entsha kraca eduke ngenjikalanga yangoLwesithathu, ngethuba ifunda ukubhabha phakathi konxweme lolwandle lwaseGonubie naseMorgan’s Bay.
Isithethi samapolisa aseMpuma Koloni uColonel Sibongile Soci uthi le nqwelo-ntaka ekhwelisa abantu ababini kuphela, nebizwa ngokuba yiSavannah, iduke kwizithuba zentsimbi yesithathu malanga izolo (ngoLwesithathu).
Iingxelo zithi le nqwelo-ntaka ibisavavanyelwa ukubhabha nanjengoko isentsha. Ngethuba iduka, ibikhwele abantu ababini – umniniyo kwanomntu obehamba naye.
Isizekabani sokuduka kwayo asaziwa okwangoku.
Ukukhangelwa kwale nqwelo-ntaka kuqale izolo, kodwa kwanqunyanyiswa ngenxa yokurhatyela kwanemvula ebisina kulo mmandla izolo.
Ngama-332 iintsuku zobumnyama ku2023