Bulalani inimba yobumenemene

Kwiveki ephelileyo uMzantsi Afrika wonke uye wema xhonkxosholo xa kuvakala iindaba ezothusayo zokuba imvumi eyaziwayo uChicco Twala uvulele unyana wakhe izimangalo zobusela emva kokuba idyongwana leyo iye yeba imfonomfono yonyana osisihlobo sale mvumi.

Abaninzi bothukile xa besiva amazwi arhabaxa aphoswe nguTwala kunyana wakhe esithi umnqwenelela ukuba abolele kuloo jele ukuba kunokuthi kanti unento yokwenza nokubulawa komdlali ophambili weBafana Bafana uSenzo Meyiwa owadutyulwa kwiminyaka emihlanu edlulileyo kwindlu awayekho kuyo lo mfana. Simke apho.

UTwala uthwale izandla entloko esithi woyisiwe kukuzamana nempilo yalo mfana wakhe, uthi sele echithe ngaphaya kwesigidi seerandi ezama ukumyekisa ukusebenzisa iziyobisi.

Ngethuba esoyanyaniswa nokufa kukaMeyiwa, uTwala wamkhusela unyana wakhe okwesikhukukazi njengamzali wonke kuba uyayithemba into ephuma emlonyeni kuye.

Akukho mzali ufuna ukubona umntwana wakhe entyumpantyumpeka kwimeko yezi yobisi nobugwinta. Indima yomzali ngamnye kukoluleka aze axhase naziphi izigqibo zobulumko athi umntwana wakhe azithathe.

Ngoku uTwala uva shu kuye emagxeni kwaye ubongoze namalungu osapho lwakhe ukuba angakhe alinge enze impazamo yokufuna ukukhupha le dyongwana emjiva ngebheyile.

Yanga abazali abaninzi bangafunda umzekelo kule mvumi, bathi xa abantwana babo besona babakhalimele kwaye babathumele kwabasemthethweni. Kutshanje kwidolophana yaseKaladokhwe kwenzeke into embi kakhulu.

Ntwazana ithile ihlatywe yonzakaliswa ngomnye urhunta othe emva koko waqhweshela kwisixeko saseKapa.

Abahlali balapho bakuvile oko bachwechwela usapho lalo rhunta benesicelo sokuba makabuye aze kuphendula umonakalo awenzileyo. Dololo impendulo!

Emva kokulinda iintsuku eziliqela, abahlali badikwe yeyokosa badiliza elo khaya kuba besithi ngabazali abanike le nkewu ithuba lokuqhwesha.

Siyakusoloko sisithi urhulumente akenzi okusemandleni ukulwa nolwaphulomthetho kanti inkoliso ihlala nababulali, ootsotsi, amasela, abadlwenguli esibaziyo.

Ungafika nasemngcwabeni wesikoli kuthethwa kamnandi ngaso kusetyenziswa amazwi athi “ukhule njengamntwana wonke, wenze oku noku njengamntwana wonke”.

De kufike ixesha apho abazali bebulala inimba ngokunika abantwana ingqeqesho ethe tse, siyakuhlala phantsi kolawulo olugadalala lwamapharaphara.