Bume ngxi ubomi bukaXoliswa nguXoliswa

UXoliswa Juta onengxaki yokuba kukho umntu onesazisi esifana nesakhe

Yiminyaka ilishumi elinesine esehla esonyuka uXoliswa Juta owazalwa ngo1979 esokoliswa sisazisi sakhe (ID) azibona sele esisebenzisa nomnye uXoliswa Juta waseGoli.

Uthi sele esuka naseGoli ekhangela lo Xoliswa abangana naye iinkcukacha ezifanayo kuba ezama ukulungisa le meko. Kwaye ngoku sele enze eyesithathu i-ID ecinga ukuba utshintsho lwakuthi lube khona.

Uthi wancama wenda watshintsha ngokukhawuleza i-ID ebiza eyomzi kuba ecinga izinto zizokujika, kodwa endaweni yoko kuye kumgulisa oku.

UJuta uthi isebe leMicimbi yeKhaya eMonti kudala equqa kulo limncedisa lade labe limqalelisa enye i-ID kodwa zange kulunge nto.

Uthi ucela uncedo kuye nabani na angamcebisa ukuba angenza njani kuba yena uphelelwe ngamandla kuba ithemba lakhe besele likweli sebe.

Uthi okumgulisayo nokumhlalisa kakubi kukuba akakwazi kuvula iiakhawunti zempahla yabantwana, akakwazi ukwenza nto ngeyakhe i-ID.

“Andikwazi nokwenza nenye into mna ngeyam i-ID ngaphandle kokurholela abantwana bam abathathu igranti. Enye nenye andikwazi naxa ndiyovula ityala lempahla yendlu neyabantwana ndifika sekusithiwa kutheni ndivula elinye kodwa andikabhatali nelokuqala ityala. Uloyiko lwam kukuba ndibanjwe ndibanjelwe amatyala kuthwe andibhatali okanye ndizibone ndibhataliswa izinto endingazaziyo.”

Uthi ngoku kuyanyanzeleka ukuba athenge ngemali nokuba akanayo kuba engakwazi ukuvula iakhawunti. UJuta uthi le into ayimphethanga kakuhle kuba kunzima nokuyicacisa ebantwini.

“Xa ndiyicacisa umntu uvele angayiva kwale nto ndiyithethayo kuba nam iyandibhida kuba ingade ilunge. Kwaye indibhida nokuba kwenzeka ntoni kum ngayo. Ndoyika nokuba bangathi abantu ndilirhumsha.”

Uthi abantwana bakhe bathathu kodwa kwaSASSA kuvela ukuba urholela abantwana abahlanu, kodwa abe engayifumani le yabantwana ababini nangona nje bevela ukuba barholelwa nguye bobathathu kwaSASSA, nto leyo athi iyamoyikisa angazibona sele ebanjwa.

UJuta uthi sele ecela ukuba aqalelwe enye i-ID kutshintshwe zonke iinombolo anazo kwezi i-ID zakhe zintathu.