Bungumzekelo ubuKumkani bamaMpondomise

Ukusukela emva konyaka ka1994 iiKumkani neeNkosi zelizwe loMzantsi Afrika bezisoloko zisoyika ukuthatha izigqibo okanye ukukhokela izigqibo eziqatha kwizizwe zazo.

UbuKumkani bamaMpondomise kuQumbu nakuTsolo kutshanje busikhumbuze ngobunganga beeKumkani zakudala ukuthatha izigqibo besebenzisa igunya labo.

Obu buKumkani buvele gqathu kunazo zonke izindlu zeeKumkani kweli bumemelela ukuba abantu mabaqhushekwe ngokukhawuleza emva kokubhubha kwabo kweli xesha leKhorona. Oku kungenxa yokuba urhulumente weMpuma Koloni nokazwelonke benolwazi lokuba imingcwabo inegalelo lokusasaza iKhorona.

Ukuqhushekwa kwabantu xa bebhubhile sisithethe sakudala kwisizwe esintsundu, ebesinyanzelwa ngalo maxesha ziimeko zentlalo. Umntu okuse ebhubhile ebengcwatywa emva kwemini okanye ngosuku olulandelayo, lo nkqubo ibibizwa ngokuba kukuqhusheka.

Emva komphanga abantu bekhaya bebedibana nabamelwane kuqholwe umzimba ngamayeza esiNtu aza kwenza ukuba lingakhawulezi ukuphuma ivumba. Kuthunywe abafana ngamahashe kuba ibingawo indlela yokuhamba ephambili, besiya kuxela kwizizalwane ezikufutshane.

Oku kuqhusheka bekusenza ukuba umntu angcwatywe ephelele enawo onke amalungu omzimba wakhe, ibhokisi isenziwa ngamachule aziwayo elalini, okanye kusetyenziswe amanqwanqwa. Iyonke le nkqubo ibisenza ukuba bonge imali abantu xa bengcwaba umntu, inkcitho incinci. IKumkani yamaMpondomise, iNgonyama uLuzuko Matiwane, ithathe esi sigqibo ingqongwe ziiNkosi zamaMpondomise ngelincedisa urhulumente kwidabi lokulwa iKhorona.

Ukuqhusheka kuphungula inani labantu abadibana emngcwabeni belinani eliphezulu, kukwanika ikhaya ithuba lokuzila ngokuzola nesithozela, ingekho le mpithizelo ngathi ngumtshato. Enye yeenkokheli eziphambili kwinkolo yesiNtu uGqirha Nokuzola Mndende ungenelele encoma eli nyathelo.

Oku konke kuthetha ukuba ngenene kukho esikuzuzileyo, sakufunda, sakubuyisa ngenxa yesifo iKhorona. Aya kuncipha amathuba okunaba kweKhorona ngenxa yokosulelana kwabantu emingcwabeni xa isizwe sonke sinokulandela ekhondweni lamaMpondomise kaNgwanya, kaJola, kaDosini.

Ukuthatha isigqibo esingathandwayo ngabanye, yenye yeendlela iinkokheli eziye zizibonakalise ngayo. Ngo1916 kuxoxwe kakhulu ngokuthunyelwa kwamadoda amnyama ukuba aye kuncedisa iBritane kwimfazwe yokuqala yehlabathi, iiKumkani neeNkosi zingavumi, zingajiki.

Urhulumente weli uyaduntsuza ezama zonke iindlela elwisana neKhorona, udinga iinkokheli ezincedisana naye. Ukuba izintlu zonke zentlalo zinokuthatha uxanduva lokumisela iinkqubo zokulwa lo bhubhane, ngenene isizwe siya kusinda.

Eli lidinga oodel’umrholo abafana neKumkani yamaMpondomise iNgonyama uLuzuko Matiwane.