Bunzima ubomi baseTiphini

Uluntu luqokelela inkunkuma eTiphini, eMthatha

Ivumba elibi, umngcipheko wokufumana izigulo kwanobukhoboka bubomi bemihla ngemihla obuphilwa ngabantu baseTiphini eMthatha abangaphezulu kwamakhulu amabini.

Le ndawo yaseTiphini ilungiselelwe ukulahla inkunkuma yedolophu nezinto ezindala kodwa kukho abantu nabantwana abaphila ngokufumana ukutya nendlela yokuziphilisa kule ndawo.

NgoLwesihlanu iintatheli zeli phephandaba zityelele le ndawo ngeliyokujonga iimeko zokuhlala kanye ngethuba kuqala iintsuku ezilishumi elinesithandathu ezichasene nokuphathwa gadalala kwamanina nabantwana.

Olu tyelelo belungqamene nomsitho wequmrhu elingenanto yakwenza norhulumente iMthatha Women Support Centre ebeliqhuba iphulo lokufundisa abantu ngendlela zokuphathwa gadalala.

Umsebenzi waseTiphini osele esebenze apha ishumi leminyaka uSiyabulela Magadlela uthi ubomi bale ndawo abulungelanga bantu.

“Sisebenza nzima siqhathwe ziinkampani ezithenga izinto zethu. Kunevumba elinganyamezelekiyo, singenwa zizifo kodwa ndinyamezele kuba ndifuna ukondla ndifundise abantwana bam abathathu abafunda kwisikolo samabanga aphantsi iMbuqe. “Ndingavuya xa urhulumente engangenelela kule meko sihlala phantsi kwayo,” utshilo Magadlela. Omnye umsebenzi uMbizeni Gwadiso uthe njengomntu ongathathintweni kunyanzeleka avukele eTiphini yonke imihla azokhangela into etyiwayo nangayithengisa azokondla umntwana wakhe. Le meko yokuphila ubomi obungaqhelekanga apha ichaphazela nabantwana.

Umfana * -Izazole Madolo (21) uthe: “Abumnandanga ubomi balapha kuxhaphake izifo, ndiyarhalela ukumka apha kodwa imeko iyandinyanzelisa akho mntu uphangelayo ekhaya. Xa ndihamba apha ndingalala ndingatyanga kuquka nomama wam.”

Unontlalontle weziko iMthatha Women Support Centre uThandeka Dlwati uthi le ndawo yonganyelwe ngabantu abathe baphatheka gadalala ngeendlela ezahlukeneyo eziquka ngokwesondo.

Uthi kunyanzeleke bazokwenza iphulo lokufundisa bebambisene namanye amasebe karhulumente emva kokuchazwa kweziganeko eziliqela. Ukwathi oomama baphathwa gadalala ngootata logama abanye bengenazo nezazisi. Kwelakhe icala uMthetheli Nkupiso wesebe lophuhliso loluntu kwindawo yaseMthatha uthi sele beqalile ukuhlola ubume nemfuno zabantu baseTiphini.