
Isinhanha esingawothiyo umlilo, esidume ngobuntu, uPatrice Motsepe, solul’ isandla kwakhona ngethuba siphisa ngemali ejoliswe ekwenzeni abantu okokuqala phantsi kwenkqubo entsha yophuhliso yeMotsepe Foundation ku’2016.
UPatrice Motsepe, ephelekwa yinkosikazi yakhe, uGqirha Precious Moloi-Motsepe, badlulise iitsheki zemali elikhulu elinamashumi amahlanu amawaka eerandi (R150.000) kwiicawe nesikolo ngasinye kwezihlanu, ezithe zanethmsanqa kwintlanganiso ebise eNU 12, eMdantsane, ngoLwesihlanu weveki ephelileyo.
Izikolo neecawe eziphiweyo zezi: yiSt Francis Anglican Church, Fani Gaqa Primary School, Assemblies of God, Nondlwana Methodist Church neNyameko High School – zonke zifumene imali elinganayo.
UMotsepe wenza into enqabileyo kwabanye oosamashishini abamnyama: ukuxhasa abantu, imibutho nabantwana abafuna ukufunda kodwa abangathath’intweni – ngemali.
Intatheli yeli phephdaba labantu, I’solezwe lesiXhosa, lincokole noGqirha Moloi-Motsepe ecaleni – apho achaze khona isizathu esabangena baxhase iinkqubo namaphulo ophuhliso kuMzantsi Afrika wonke ngendlela ekhethekileyo.
“Thina bantu bamnyama, singabantu abaphila ngokukhongozana. Sonke ke sikhule siphiwa ngabanye abantu abanezinto – lo nto ithethe ukuthi, sizezi zinto sizizo nje namhlanje kungenxa yabanye abantu. Ekugqibeni kwethu ukufunda, mna noPatrice, sathi sakube sizibonile ukuba siphumelele – sabona kufanelekile ukuba siseke ingxowa-mali ezakuthi incede uluntu lonke. Njengokuba siqale into entsha yokuxhasa abafundi, siyazixhasa neenkqubo zenkcubeko yama-Afrika ezifana nomculo nemixhentso – kodwa sizimisele ukunabela nakwezinye izinto ekuhambeni kwexesha,” utshilo uGqirha Moloi-Motsepe.
Ulwazi oluthe vetshe lufumaneka ku: kuwww.themotsepefoundation.org
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike