Buyel’ eMbo neSinomusa

Sinomusa Cultural Group

ISinomusa Cultural Group liqela lomngqungqo wesiNtu nengoma elizakuthabatha inxaxheba kumnyhadala we-Calabash Words on Wings & Maskandi Storytelling eKapa, ngoMgqibelo umhla weshumi elinethoba kule nyanga.

Eli qela lasungulwa ngamakhosikazi akuTsolo, kwaye linamalungu alishumi elinesihlanu. Abanye babo bayaphangelayo kodwa linabo nabangaphangeliyo.

“Ukuqala kwethu eli qela sasibona ukusilela komculo wesiNtu nokungathathelwa ngqalelo kwawo luluntu. Sabona ke kubalulekile ukuba sibuyisele uluntu eMbo ngomculo wesingqi samaMpondomise”, utshilo omnye wabasunguli uNomonde Kondlo.

ISinomusa iqhayisa ngamacwecwe amane ukuzakuthi ga ngoku. La macwecwe aquka elithi Zwelimnandi, Masiye eMbo, Kubhetele sigoduke, nelesine elithi Siphuma kuTsolo, abalikhuphe kwinyanga yeThupha kulo nyaka. Eli qela lisebenzisa igubu nomasengwana njengezixhobo zomculo walo.

Kwimiceli-mngeni eliyibaluleyo eli qela kukungabikho kwendawo ethengisa iiCD neeDVD zomculo walo kweli phondo leMpuma Koloni nangona lukhona uluntu oluwunxanelweyo.

“Liselinye iphondo eline ndawo ethengisa umculo wethu yiNtshona Koloni kuphela, ngaphaya koko siyazithengisela thina ngokwethu’’, utshilo uKondlo.

Eli qela selivela kumazwe angaphandle emva kokufuma isimemo kwiminyhadala eyayibanjwe ngamazwe aquka iBrazil, Bulgaria, Zambia kwakunye neRussia.

“Ezi zimemo zalandela emva kokubonwa kweqela lethu ngabo babesuka kumazwe angaphandle kwiGrahamstown National Arts Festival, apho sasisenza umboniso weNtonjane khona,” utshilo uKondlo.

Ukanti uKondlo ukwancome igalelo lomasipala wabo iMhlontlo kwanesebe lezemidlalo, inkcubeko nobugcisa kwiphondo leMpuma Koloni ngenkxaso engaqungqiyo.

“Abantu bengingqi yethu abaseKapa baninzi kakhulu, kwaye siliqela iSinomusa Cultural Group sithi kubo abakulindeleyo, nabahlala bekufuna bazakukufumana konke. Abangasagodukiyo sithi kubo mabaphume bonke sizakubakhumbuza emakhaya apho babuya khona,’’ wongeze ngelitshoyo uKondlo.

Ukanti eli qela likwachongiwe kumawonga e-ECMAS azakubanjwa eMonti kungekudala. Ukuvotela eli qela ungathumela umyalezo othi ECMAS Sinomusa Best Dance Group ku-33459, umyalelo uxabisa iR1.50 kuphela.

zenande.maqubela@inl.co.za