Buza nengxaki ubusika eMpuma Koloni!

Umfanekiso oselugcinweni

Ifuthe lokungena kobusika sele libonakala ngokwehla komthamo wamanzi kumadama aphambili eMpuma Koloni. 


Ingxelo yeSebe laManzi noGutyulo lweLindle ithi umthamo wamanzi uhleli kumashumi amathandathu anesibhozo eepesenti ngenxa yokwehla kwezinga lemvula ukusukela kwinyanga ephelileyo. 


Ukusukela ekuqaleni kwalo nyaka, imvula ine ngamandla kwiindawo ezininzi zeMpuma Koloni eziquka umasipala wesithili saseChris Hani. Amadama engingqi yaseNelson Mandela Bay ngawona athe abona ukwehla okumandla kwamanzi ngenxa yokunqongophala kwemvula kuba kungena ubusika.


Othethela eli sebe, uThandile Ngcume, uthi ngenxa yoku basethembele kwintsebenziswano yoluntu ukonga amanzi.  “Sisenethemba lokuba intsebenziswano yabahlali kumcimbi wokonga amanzi iza kusinceda, ukuze sihlale sinamanzi oneleyo, imvula iphinde yanqaba,” utshilo uNgcume. 


Amadama aquka iKouga, Impofu kunye neKrom ngawona achaphazelekileyo kule meko.

 

Ukanti amadama wengingqi yaseAmathole anomyinge wamashumi alithoba eepesenti ukusukela oko kuqale iimvula zalo nyaka. “Amadama aquka iNahoon, Laing neKrooikrantz asahleli kumashumi alithoba eepesenti, ngamanye asahleli kwindawo entle noko,” kutsho uNgcume. 


Uthi abalindelanga zingxaki eBuffalo City Municipality de kubuye iimvula zasehlotyeni. “Asiqinisekanga ngento eza kwenzeka kobu busika, asinakutsho ukuba ikho imvula eza kuna ngokwaneleyo, elona cebo kukugcina la akhoyo amanzi de buphele ubusika,”utshilo.

 

Iimvula ezine kwingingqi yaseJoe Gqabi naseChris Hani kwiveki ephelileyo zibangele ukuwa kwekhephu lokuqala lalo nyaka kwiintaba zoKhahlamba.

Amadama amabini aseChris Hani aquka iXonxa neWaterdown anomyinge wamanzi ongaphezu kwekhulu leepesenti.