Buzisisisa, uqonde futhi woneliseke

Umntu uyalingwa kak’hle kunjalo nje uba sisaphila sizodlula ezintweni ezisenza sithingaze nale sicinga siyayazi.

Into edingekayo kukuthatha izigqibo ezizizo qho kusisa ngoba zizo ezizochaza ikamva lethu. Akumandanga ukufunda, kodwa xa sele ufundile kuye kubekuhle kakhulu. Uba awufundi ebomini, awukaphili

Inene ziyasehlela izinto; la moto ndihamba ngayo ibinomkrwelwanyana ecangweni. Ndenza ke izinto ezenziwayo xa umntu ene insurance, nayo kwelayo icala yadlala eyayo indima.

Ndafumana ucingo oluthi mandise imoto iyojongwa umonakalo(assessment), ndathi kulo mntu wayendifowunela makathumele zonke iinkcukacha zokulungiswa kwale moto ngento ebhalwe phantsi, nexabiso lomonakalo, atsho futhi uba bazobhatala malini, mna ndibhatale malini.

Ndahlala ke ndilinde loo mbalelwano, ayafika kwayona. Usuka apho ndathunyelelwa isiqinisekiso sokuba imoto izolungiswa endaweni ethile, ngexesha elithile ndiyise ngoMvulo. Nam ke ndaqonda uba xa kunjalo inoba bazokuyibhatala yonke ngobunjalo bayo(ndingayazi phofu noba yimalini).

Imoto ihleli pha iveki yonke. Abantu aba bakhanda imoto banditsalela umxeba othi imoto igqityiwe, nam ke ndivuye ndakugqiba ndibuze uba ndingayilanda nini, bathi ndingeza nanini na, kodwa ndize namawaka amane anento.

Umothuko endabanawo, mna kubo ‘hayi, njani, ngoba? Babe sebeyibeka le nto yabo.

Nako ke ndibuyela kwinkampani ye insurance ndibabuza uba njani bangandixeleli uba kukho imali ekufuneka nam ndiyibhatele?

Bandiphikise bathi babendixelele. Hayi ke ndanyanzeleka uba ndibakhumbuze uba xa besifowunela baye bathi iincoko zethu ziyashicilelwa, ndathi mabakhangele ke kule ncoko bayishicilelayo uba bebekhe bandixelela na ngemali ekufuneka ndiyibhatele, kwathi kanti ndizophule.

Ibengulo dulubhentsu ke, ndityelwa imali ngenxa yokufowunelelana nabo. Kuthe ngosuku lwesibini kusenzeka yonke le nto icuntsula egazini nasengqondweni, kwafowuna mntu wumbi naye esathetha le bayithethayo, lathiwa ndim ‘ndicela nibuyele kum xa senifumene into ethi bendixelelwe ngayo yonke le nto.

Uba bendiyazi kwasekuqaleni bendingasoze ndikhethe ukulungiselelwa imoto duru kangaka, ngendiye kwindawo ezinexabiso eliphantsi.’ Sayekana apho ke bathembisa uba bazobuyela kum, ndabaqonnondisa uba babuyele kum intsimbi yokuqala ingabethanga ngolwesihlanu.

Yabetha intsimbi yokuqala ngolwesihlanu ezintsukwini, nkqi umnxeba, abantu ababuyeli kum. Kwanyanzeleka ndibuyele kubo ke ngoku ngoba kakade ndim umntu osengxakini ofuna imoto nongenayo le mali ifunwayo.

Xa ndibuyela, sendincedwa mntu wumbi ngoku esitsho uba izinto bazilungisile, ibelityala labo ukungandixeleli yonke into phambi kokuba bathathe izigqibo. Ndabe imoto ndiyayifumana njalo

Injongo yokwabelana nani ngayo yonke le nto ithini? Injongo kukuba, nantoni na oyenzayo, buza, ubuzisisie ngoba uzakubanjwa ngumlomo wakho. Ungavumi ungaqinisekanga uba nithetha into enye, noba uzokhangeleka ngathi uthatha kade, ayinamsebenzi.

Into ebalulekileyo kukuba uqonde, uqiniseke. Ndihleli apha nje ndiyacinga uba, abantu abangenazo zonke ezi zinto zokwenza izinto zenzeke, izinto ezifana nokubane- fowuni, imali yokufowuna xa usenyuswa usehliswa ngaba bantu, nayo yonke le nto…. inoba benza njani?

Abantu abangenabantu bokubanceda kumaxesha anje. Sele sinamatyala kangaka nje ngamaye amaxesha kungenxa yezinto ezikumila kunje, izinto esingakhange sizicaciselwe phambi kokuba sityikitye.

Masifundisane, sixhobisane, sikhulisane, sifunde kwiimeko zabanye abantu singaziphindi.

Asinaxesha lininzi lokufunda kwiimpazamo zethu qha. Noba ungazibona ungenamoto ngoku, ucinge la mava awuwadingi, kodwa ngenye imini uzakuwadinga

katomnoku@gmail.com,